Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 9

UYesu sesona sipho sikhulu uThixo asinike umntu - Part 1
- UKrestu ufana noThixo uYise

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEKOLOSE 1

Umbongo kaKrestu

15UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;

ingqalo nentloko yayo yonke indalo.

KWABASEKOLOSE 1:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 3

16Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo. 17Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.

UYOHANE 3:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 1

Isingeniso

1Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli. 2Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye. 3Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.

KUMAHEBHERE 1:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 1

18Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.

UYOHANE 1:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 7

28Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi, 29kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”

UYOHANE 7:28-29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

NguYesu indlela

1“Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.

UYOHANE 14:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

8UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”

9Wathi kuye uYesu: “Kunini na ndikunye nani, Filipu; ngaba akukandazi? Lowo ubone mna, ubone uBawo. Utsho ngani wena ukuthi mandinibonise uBawo? 10Ngaba akukholwa na okokuba mna ndikuye uBawo, abe noBawo ekum? Endikuthethileyo kuni ke andikuthethi kuphuma kum. Oko ndikwenzayo kwenziwa nguBawo ohleli kum. 11Kholwani kwendikuthethayo xa ndithi ndikuye uBawo, ekum noBawo. Ukuba anikholwa kuba ndisitsho, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo.

UYOHANE 14:8-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 17

2Kaloku umnike igunya eluntwini, ukuze bonke abo umnike bona, abe nako ukubanika obona bomi bungenasiphelo.

UYOHANE 17:2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYesu Kristu unguNyana kaThixo yaye unguThixo ngokwakhe. Usisiqu esinguThixo emhlabeni.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-