Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 1

Unakekelo njengobizo

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 61

Iindaba ezimnandi zovuyo

1Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo,

kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.

Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,

ndibophe abantliziyo zingamahlwili,

ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,

ndazise inkululeko kumabanjwa.

2Undithume ukuba ndivakalise ndithi

uthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo,

umhla wempindezelo yoThixo wethu.

Uthi mandithuthuzele abo banesingqala;

3ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama,

intambiso yolonwabo endaweni yokulila,

ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa.

Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa,

imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe,

ukuze baphuhlise isihomo sakhe.

4Bona baya kuzivusa izixeko zamandulo,

bawavumbulule namabhodlo asel' adilizwa.

Baya kuzakha izixeko esezingamabobosi,

ezo zatshatyalaliswa kwizizukulwana ezadlulayo.

UISAYA 61:1-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAGALATI 6

2Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

KUMAGALATI 6:2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

NgoMoya oyiNgcwele, uKrestu wabhengeza iiNdaba eziLungileyo kwabacinezelekileyo, kumabanjwa nakubazili.

UKrestu ukwasibizela ukuba sincede abo badinga uncedo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-