Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 16

Ukungamkelwa komsebenzi wakho

Itekisi yeBhayibhile

1 KAPETROS 3

13Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo? 14Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku. 15Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo. 16Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu. 17Kaloku kungcono ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa, xa kuyintando kaThixo oko, kunokutshutshiselwa izenzo ezibi.

1 KAPETROS 3:13-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ngelinye ixesha uza kudibana nabantu abangawamkeliyo lo msebenzi uwenzayo wokuba ngumnakekeli. IBhayibhile isinika izikhokelo zokuba sijongana njani nezo meko.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-