Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 21

Umthandazo

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 6

Malunga nokuthandaza

5“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 6Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

7“Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. 8Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli. 9Thandazani ke ngoko nina nithi:

“ ‘Bawo wethu osezulwini:

Malaziwe lihlonelwe igama lakho,

10malongame ulawulo lwakho,

makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.

11Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

12usixolele amatyala ethu,

njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;

13ungasiyekeli ekulingweni,

koko sihlangule kumtyholi;

[kuba ngenene nguwe olawulayo,

namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’

14“Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani. 15Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”

UMATEWU 6:5-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 2

Umthandazo webandla

1Kuqala, ndiqononondisa ndisithi: izicelo, imithandazo, izikhungo, nemibulelo,

1 KUTIMOTI 2:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 8

26Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela. 27Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.

28Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

KWABASEROMA 8:26-28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Umthandazo uchazwa njengomphefumlo wobomi bobuKrestu. IBhayibhile igxininisa kakhulu emthandazweni.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-