Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 23

Ubulumko

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 9

10“Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo;

umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

IZAFOBE 9:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 3

5Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,

ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.

6Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,

waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

7Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;

ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.

8Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,

atsho omelezeke amathambo akho.

IZAFOBE 3:5-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EKAYAKOBI 1

Ukholo nobulumko

2Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo. 3Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo. 4Kona ke ukunyamezela kuzala isimilo esicikidekileyo, nesingalambathi nganto. 5Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika. 6Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle. 7Umntu onjalo ke makangalindeli kwenzelwa nto yiNkosi. 8Kaloku umntu ongqondo ilala neli, ivuke neli, akaze abe nazigqibo nganto.

EKAYAKOBI 1:2-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Abanakekeli baye amaxesha amaninzi bajongane neemeko ezinzima. Kuye kudingeke ubulumko kwezi meko.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-