Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 25

Isimemo sokuphumla kuThixo

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 11

28“Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza. 29Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, 30kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”

UMATEWU 11:28-30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 62

Ukukholosa ngokukhuselwa nguThixo

Kumbhexeshi-kwayara uJedutun; umhobe kaDavide.

1Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

3Koda kube nini nimhlasela umntu,

ninxanel' igazi lakhe,

noba enjengodonga olukekeleyo,

enqwa nothango oluwayo?

4Nizungula ukumbhukuqa awe;

niqhayisa ngokuxoka.

Ngomlomo niyathamsanqelisa,

ukanti niyaqalekisa ngaphakathi.

5Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ithemba lam.

6Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

7Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.

UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

8Maxa onke thembelani kuye, bantundini,

nizityand' igila kuye;

kaloku uThixo yinqaba yethu.

IINDUMISO 62:1-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ukuba ngumnakekeli kudinga okuninzi emntwini. Ngenxa yeso sizathu, ukuphumla kubalulekile. UYesu uyasimema ukuba siye kuYe size kufumana ukuphumla.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-