Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 9

Imivuzo yonakekelo

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 25

Imini yomgwebo

31“Xa athe wafika *uNyana woLuntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa zezulu, uya kuhlala enkundleni yakhe yobungangamsha, 32zihlanganiselwe phambi kwakhe zonke iintlanga. Wothi ke abahlule abanye kwabanye ngokomalusi esahlula iigusha ezibhokhweni. 33Zona iigusha wozibeka ngasekunene kwakhe, iibhokhwe ngasekhohlo. 34Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi; 35kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela; 36ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’

37“Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi? 38Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa? 39Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’ 40Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’

41“Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe; 42kuba ndandilambile, naza ànandipha kutya; ndandinxaniwe, naza anandipha manzi; 43ndandingowasemzini, naza anandamkela; ndandihamba ze, naza anandambathisa; ndandigula, ndandisentolongweni, naza ànandihambela.’

44“Bophendula ke bathi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, unxaniwe, ungowasemzini, uhamba ze, ugula, okanye usentolongweni, saza àsakunceda?’ 45Wobaphendula ke athi: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni ningenzanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenzanga njalo nakum.’ 46Baya kumka aba, baye esohlwayweni esingunaphakade. Ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.”

UMATEWU 25:31-46XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa uYesu wayethetha ngomhla apho aya kugweba abantu beentlanga zonke, wathetha nangomvuzo oya kufunyanwa ngabo banakekele abagulayo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-