17Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize. 18Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.