2Nanga ngenxa yokwazana kwenu noThixo kwakunye noYesu iNkosi yethu, ningenzelwa isisa, niphiwe noxolo ngakumbi nangakumbi.
3Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.