1KODWA indlu yake u‐Solomone wabeyaka iminyaka yalishumi linesitatu; wada wayigqiba yonke indlu yake.
2Wayaka indlu yehlati le‐Lebanone, ilikulu lekubite ubude bayo, namashumi mahlanu ekubite ububanzi bayo, namashumi matatu ekubite ubupakamo bayo, pezu kwenṙozo ezine zentsika zesedare, nemiqadi yesedare pezu kwazo intsika. 3Yabifulelwa ngesedare pezulu pezu kweplanke, ezibe zipezu kwentsika ezimashumi mane anesihlanu, zilishumi linesihlanu ngoṙozo. 4Kwaye kuko izituba, inṙozo ezintatu, ifenstile ingapezu kwefenstile amaxesha matatu. 5Zonke ingcango nemigubasi zibe zinamacala mane, kwa nezituba; kanjalo ifentsile ibimalungana nefenstile amaxesha matatu. 6Wayesenza intendelezo ngentsika, izikubite ezimashumi mahlanu ubude bayo, nekubite ezimashumi matatu ububanzi bayo; nentendelezo pambi kwazo; nentsika nendawo yeplanke pambi kwazo. 7Waza wenzela iterone intendelezo, apo wagwebayo kona, intendelezo yokugweba; ibe yalekiwe ngesedare, kwa kuwo umzantsi emhlabeni kude kwakuwo umzantsi pezulu. 8Nendlu yake, apo wahlala kona kwelinye ibala ngapakati kuyo intendelezo, ibinjengesetyenzwa elinjalo. Kanjako wayenzela indlu intombi ka‐Faro, leyo abeyizekile u‐Solomone, njengayo intendelezo leyo.
9Zonke ezi zibe zingamatye anqabileyo, njengemilinganiswa yamatye aqandulweyo, esikiwe ngesaṙa, pakati nangapandle, kwa kulo isekwa kude kwakulo ulundi, nangapandle ngasebaleni elikulu. 10Kwaye kusekwa ngamatye anqabileyo, amatye amakulu, amatye ekubite zilishumi, namatye ekubite zisibozo. 11Napezulu bekuko amatye anqabileyo, njengemilinganiswa yamatye aqandulweyo, nesedare. 12Kanjalo ibala elikulu ngento engqongayo libe linenṙozo zintatu zamatye aqandulweyo, noṙozo lunye lwemiqadi yesedare; njengakwelapakati ibala lendlu kayehova, nakuyo intendelezo yendlu.
13WAZA watuma ukumkani u‐Solomone, wamtabata u‐Hirame e‐Tire. 14Ebengunyana womhlolokazi yena, kwisizwe sika‐Nefatali, oyise ebeyindoda yase‐Tire, incibi yexina; wabezele bubulumko, nengqondo, nokwazi, ukwenza yonke imisebenzi ngexina.
Wayesiza kukumkani u‐Solomone, wawenza wonke umsebenzi wake. 15Ngokuba wadala intsika zambini ngexina, buzikubite ezilishumi linesibozo ubupakamo benye intsika; kanjalo usinga lwekubite ezilishumi linambini belungqonga enye intsika. 16Wenza nentloko zambini ngexina etyityishiweyo, zokubeka ezincameni zentsika; ubupakamo benye intloko bebuzikubite ezintlanu, nobupakamo benye intloko bebuzikubite ezintlanu. 17Kwaye kuko iminata yesetyenzwa elipanjanisiweyo, nezitsaba zesetyenzwa lemixokelelwane, kuzo intloko ezibe zisezincameni zentsika; isixe̔nxe kwenye intloko, nesixe̔nxe kwenye intloko. 18Wayesenza intsika ezo, nenṙozo zambini ngento engqongayo pezu kwomnata umnye, kuze kugujungelwe intloko ezibe zisencameni, ngegranate; wenje njalo nakwenye intloko. 19Kekaloku intloko, ezibe zisencameni yentsika, zazingesetyenzwa eliyinyibibaṙa entendelezweni, ikubite zane. 20Kanjalo intloko pezu kwentsika ezo zombini zibe zinegranate nangapezulu, malungana nendawo epumayo ebingakuwo umnata: kwaye kuko negranate ezimakulu mabini ngenṙozo ngokungqonga pezu kwenye intloko. 21Waza wazimisa intsika ezo entendelezweni yetempile: wayimisa intsika yasekunene, wayibiza ngegama elingu‐Yakine; wayimisa intsika yasekohlo, wayibiza ngegama elingu‐Bohazi. 22Napezu kwencam yentsika bekuko isetyenzwa eliyinyibibaṙa: kwa njalo kwafezwa umsebenzi wentsika.
23Walwenza nolwandle olutyityishiweyo; lwaluzikubite ezilishumi kwa kuwo omnye umpeto kwada kwakuwo omnye umpeto, luyinqukuva ngokungqonga, luzikubite ezintlanu ubupakamo balo; lwalujikelezwa ngentambo yekubite ezimashumi matatu ngento engqongayo. 24Nangapantsi kwompeto walo ngokungqonga bekuko ikomkomereṙa zilungqonga, zilishumi ekubiteni nye, zilujikelezela ulwandle ngokungqonga: zatyityishwa ikomkomereṙa ezo ngenṙozo zambini, lwakutyityishwa lona. 25Lwema pezu kwenkabi ezilishumi linambini, ezintatu zibeka ngasenode, nezintatu zibeka ngasentshonalanga, nezintatu zibeka ngasesuyide, nezintatu zibeka ngasempumalanga; lwalupezulu ulwandle pezu kwazo, yonke imiva yazo ingapakati. 26Isibili salo besibububanzi besandla, nompeto walo ubunjengesetyenzwa lompeto wendebe, njengentyatyambo zenyibiba: lwabamba ibate ezingamawaka mabini.
27Wenza nezikondo ezilishumi ngexina; zazikubite ezine ubude besikondo sinye, nekubite ezine ububanzi baso, nekubite ezintatu ubupakamo baso. 28Lilo eli isetyenzwa lazo izikondo: zibe zinendini, kanjalo indini ezo zibe zipakati kwembombo: 29napezu kwendini, ezibe zipakati kwembombo, bekuko ingonyama, nenkabi, nekerubime; napezu kwembombo bekuko isikondo ngapezulu; nangapantsi kwazo ingonyama nenkabi bekuko izinto ezibandakanyiweyo zesetyenzwa elikandelweyo. 30Kwaye kuko ivili zexina zazine kwisikondo sinye, namaceba exina; amagumbi aso omane ebenamagxalaba; ngapantsi kwaso isihlambelo ebeko amagxalaba atyityishiweyo, ngecala lezinto ezibandakanyiweyo ezinye ngezinye. 31Umlomo waso pakati kwentloko nangapezulu ubuyikubite nye; kanjalo umlomo waso ubuquvile njengesetyenzwa lesikondo, ikubite nesiqingata sekubite; nakanjako pezu kwomlomo waso bekuko iziqingqwa; kodwa indini zazo bezinamacala mane, zingezeziquvileyo. 32Kekaloku ivili zone zibe zingapantsi kwendini, nease zevili zona zibe zikuso isikondo; nobupakamo bayo ivili ibiyikubite nesiqingata sekubite. 33Nesetyenzwa lazo ivili libe linjengesetyenzwa levili yenqwelo: iase zazo, nenafe zazo, nefelenge zazo, nespeke zazo, zonke zatyityishwa. 34Kwaye kuko amagxalaba mane kuwo amagumbi mane esikondo sinye: amagxalaba aso ebepuma kwa kuso isikondo. 35Napezu kwengcopo yesikondo bekuko into equvileyo ngokungqonga, isiqingata sekubite ubupakamo bayo; napezu kwengcopo yesikondo izipumelo zaso nendini zaso zibe zipuma kwa kuso. 36Wayeziqingqa pezu kwamacwecwe ezipumelo zaso napezu kwendini zaso ikerubime, nengonyama, nemiti yepalime, njengendawo yezinye ngezinye, nezinto ezibandakanyiweyo ngokungqonga. 37Njengokunje wazenza izikondo zolishumi: bekuko ukutyityishwa kunye, umlinganiswa umnye, isimilo sinye, kuzo zonke.
38Wazenza nezihlambelo ezilishumi ngexina; isihlambelo sinye sabamba ibate zamashumi mane; isihlambelo sinye sibe sizikubite zine; pezu kwazo izikondo zolishumi ezinye ngezinye bekuko isihlambelo sinye. 39Waza wazibeka izikondo ezihlanu ngelokunene icala lendlu, nezihlanu ngelokohlo icala lendlu; nolwandle walubeka ngelokunene icala lendlu, ngasempumalanga, malungana nesuyide.
40Kanjalo u‐Hirame wazenza imbiza, nezikotululo, nezitya zokufefela.
Wada u‐Hirame wagqiba ukuwenza wonke umsebenzi, owawenzela ukumkani u‐Solomone ngenxa yendlu kayehova: 41intsika zimbini, nezikanda zentloko ezibe zisencameni yentsika zombini; neminata mibini yokugubungela izikanda zozibini zentloko ezibe zisencameni yazo intsika; 42negranate ezingamakulu mane zeminata yomibini, inṙozo zimbini zegranate kuwo umnata mnye, kuze kugujungelwe izikanda zozibini zentloko ezibe zisencameni yazo intsika; 43kwa nezikondo zilishumi, nezihlambelo zilishumi pezu kwazo; 44nolwandle lunye, nenkabi ezilishumi linambini ngapantsi kwolwandle olo; 45nembiza, nezikotululo, nezitya zokufefela: nazo zonke ezimpahla, owati u‐Hirame wazenzela ukumkani u‐Solomone ngenxa yendlu kayehova, wazenza ngexina egudisiweyo. 46Etafeni lase‐Yoredane wazityityisha ukumkani, emhlabeni oludongwe pakati kwe‐Sukote ne‐Tsaretane. 47Zonke ezimpahla waziyeka u‐Solomone zingalinganiswa, ngenxa yobuninzi obukulu kakulu bazo; bekungenakupengululwa ukuba nzima kwexina.
48Wayezenza u‐Solomone zonke impahla ezizezendlu kayehova: isibingelo segolide; netafile, ekube kupezu kwayo izonka zokubonakala, ngegolide; 49nekandelare, isihlanu ngasekunene nesihlanu ngasekohlo, pambi kwendawo yokupendula, ngegolide enqabileyo; nentyatyambo, nezibane, nezitabatelo, ngegolide; 50nezikotile, nezicimo, nezitya zokufefela, negxebeka, neziqumelo, ngegolide enqabileyo; nehinje zengcango zeyapakati indlu, zeyingcwele yezingcwele indawo, nezengcango zendlu, zetempile, ngegolide.
51Kwada kwafezwa wonke umsebenzi, owati ukumkani u‐Solomone wawenzela indlu kayehova. Waza u‐Solomone wazingenisa izinto ezingcwele zika‐Davide uyise, isilivere, negolide, nempahla, wazibeka pakati kwendyebo zendlu kayehova.