1WAZA u‐Yehoshafate unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake, wazomeleza ngako‐Sirayeli. 2Wayebeka izimpi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda, wazimisa ilali elizweni lakwa‐Juda, nasezixekweni zakwa‐Frayime, ezo wabezitimbile u‐Asa uyise. 3Kanjalo uyehova ebenaye u‐Yehoshafate, ngokuba wahambayo ngezokuqala indlela zika‐Davide uyise, akafuna ke o‐Bali; 4koko wamfuna utixo woyise, wahamba ngemiyalelo yake, akahamba ngokwenza kwo‐Sirayeli. 5Ngako uyehova wabuqinisa ubukumkani esandleni sake; bati o‐Juda bonke banika amabaso ku‐Yehoshafate; wada wanobutyebi nodumo ngento eninzi. 6Yaza intliziyo yake yapakama ezindleleni zikayehova: nakanjako wasusa indawo ezipakamileyo nemifanekiso ka‐Ashera kwa‐Juda.
7Kekaloku ngowesitatu umnyaka wokupata kwake ubukumkani watumela kwinkosi zake, ku‐Bene‐hayili, naku‐Hobadiya, naku‐Zekariya, naku‐Netaneli, naku‐Mikaya, ukuba kufundiswe ezixekweni zakwa‐Juda. 8Nakunye nabo watuma aba‐Levi, u‐Shemaya, no‐Netaniya, no‐Zebadiya, no‐Hasaheli, no‐Shemiramote, no‐Jonatane, no‐Adonija, no‐Tobiya, no‐Tobe‐adonija, aba‐Levi; nakunye nabo u‐Elis ama, no‐Yerohame, abaperisite. 9Baza bafundisa kwa‐Juda, benayo incwadi yomteto kayehova, bacanda kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, bafundisa pakati kwabantu.
10Kwaye kubako ulwoyiko lukayehova pezu kwabo bonke ubukumkani bamazwe angqongayo i‐Juda, ukuba abenza imfazwe ngakuye u‐Yehoshafate. 11Kanjalo inxenye yama Filistiya yamzisela u‐Yehoshafate amabaso, nesilivere yokunikela; nama‐Arabi amzisela inkomo ezincinane, inkunzi zegusha ezingamawaka asixe̔nxe anamakulu asixe̔nxe, nenkunzi zebokwe ezingamawaka asixe̔nxe anamakulu asixe̔nxe. 12Waye u‐Yehoshafate emana ukuba mkulu ngento egqitiseleyo; waza waka kwa‐Juda inqaba nezixeko zokubekela. 13Wayenemisebenzi emininzi ezixekweni zakwa‐Juda: kanjako amadoda okulwa, amagoṙa obuṙoti, ebese‐Yerusaleme.
14Nanku ukubalwa kwawo njengendlu zoyise zawo. Awakwa‐Juda, inkosi zamawaka: ngu‐Hadena oyinkosi, nakunye naye amagoṙa obuṙoti angamawaka angamakulu matatu: 15nasemva kwake ngu‐Jehohanane oyinkosi, nakunye naye amawaka angamakulu mabini enamashumi asibozo: 16nasemva kwake ngu‐Hamasiya unyana ka‐Zikeri, owazinikela kuyehova ngokutumekelela, nakunye naye amawaka angamakulu mabini amagoṙa obuṙoti. 17Nakubo o‐Benjamine: ngu‐Eliyada, igoṙa lobuṙoti, nakunye naye amawaka angamakulu mabini epete isipeta nekakana: 18nasemva kwake ngu‐Yehozabadi, nakunye naye amawaka alikulu linamashumi asibozo exo̔bele ukulwa. 19Lamadoda akonza ukumkani, ngapandle kwabewabekile ukumkani ezixekweni ezinqatyisiweyo kuyo yonke i‐Juda.