1WADA waqala u‐Solomone ukwaka indlu kayehova e‐Yerusaleme, entabeni ye‐Moriya, apo u‐Yehova wabonakala kona ku‐Davide uyise, endaweni abeyilungisile u‐Davide esibayeni sokubula sika‐Orenane um‐Yebusi. 2Waqala ukwaka ngowesibini umhla wenyanga yesibini, ngowesine umnyaka wobukumkani bake.
3Nanku ukusekwa waseka ngako u‐Solomone, ukuba ayake indlu katixo. Ubude, ngekubite zomlinganiso wokuqala, bebuzikubite ezingamashumi matandatu, nobubanzi bebuzikubite ezingamashumi mabini. 4Nentendelezo ebingapambili, ubude pambi kwobubanzi bendlu bebuzikubite ezingamashumi mabini, nobupakamo bebuzezilikulu linamashumi mabini.
Wayaleka ngapakati ngegolide ecocekileyo. 5Nendlu enkulu wayaleka ngemiti yeberoshe, waza wayaleka yona ngegolide entle, wafaka pezu kwayo imiti yepalime nemixokolelwane. 6Waza wayaleka indlu ngamatye anqabileyo kuhonjwe: kekaloku igolide leyo ibiyigolide yase‐Pavayime. 7Kanjalo waleka indlu, imiqadi, imigubasi, nendonga zayo, nengcango zayo, ngegolide; waziqingqa nekerubime pezu kwendonga.
8Wayenza nendlu eyingcwele yezingcwele, ebude pambi kwobubanzi bendlu bebuzikubite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuzikubite ezimashumi mabini: yona nayo wayaleka ngegolide entle, ide yaba zitalente ezingamakulu matandatu. 9Nokuba nzima kwazo izikonkwane, zibe zizishekele ezimashumi mahlanu zegolide, nenkambili zapezulu wazaleka ngegolide.
10Wayesenza endlwini eyingcwele yezingcwele ikerubime zambini ngesetyenzwa eliqingqiweyo, wazaleka ngegolide. 11Namapiko ekerubime ubude bawo bebuzikubite ezimashumi mabini: elinye ipiko belizikubite zintlanu, lifikela eludongeni lwendlu; nelinye ipiko lalizikubite zintlanu, lifikela epikweni lenye ikerubime. 12Kanjalo elinye ipiko lenye ikerubime belizikubite zintlanu, lifikela eludongeni lwendlu; nelinye ipiko lalizikubite zintlanu, linamatela epikweni lenye ikerubime. 13Amapiko ekerubime ezo atwabuluka ikubite zamashumi mabini; zati zona zema pezu kwenyawo zazo, ubuso bazo bungasendlwini. 14Walenza nekuselo ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, wafaka pezu kwalo ikerubime.
15Kanjako wazenza pambi kwendlu intsika zambini, zizikubite ezimashumi matatu anantlanu ubude bazo; nentloko ebisencameni yenye intsika ibizikubite ezintlanu. 16Wayenza nemixokolelwane, njengasendaweni yokupendula, wayibeka ezincameni zentsika; wenza nekulu legranate, wazibeka emixokolelwaneni. 17Waza wazimisa intsika ezo ngapambi kwetempile, enye ngasekunene, nenye ngasekohlo: eyokunene wayibiza ngegama elingu‐Yakine, neyokohlo ngegama elingu‐Bohazi.