1Kanjalo wena, nyana woluntu! profitesha kuzo intaba zakwa‐Sirayeli, uti: Zintaba zakwa‐Sirayeli! yivani ilizwi likayehova. 2Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba utshaba lute pezu kwenu: Tshotsho! kwa imimango engunapakade iyeyetu ibe yimfuyo! 3ngako oko profitesha uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokuba, ewe ngokokuba benicitakalisile, nokuba beniginyile ngamacala onke, ukuze nibe yimfuyo kwisisalela sabaheyideni, nokuze nitatyatelwe emlonyeni womshwabuli, niyintlebo yabantu nje; 4ngako oko, zintaba zakwa‐Sirayeli! yivani ilizwi lenkosi likayehova: Itsho inkosi e nguyehova kuzo intaba nakuzo induli, kuzo intili nakuzo izihlambo, nakuwo amanxuwa acitakeleyo, nakuzo izixeko ezishiyiweyo, ezaba yinto yokupangwa neyokugculelwa kwisisalela sabaheyideni abangqongayo: 5ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenyaniso ngomlilo wobukwele bam nditetile ngakuso isisalela sabaheyideni, nangakuyo i‐Edome yonke; abo balimisileyo ilizwe lam libe yimfuyo kubo, ngokuvuya kwentliziyo yonke, ngokucekisa kwompefumlo, ukuze balipange libe lixoba. 6Ngako oko profitesha pezu kwelizwe lakwa‐Sirayeli, uti kuzo intaba nakuzo induli, kuzo intili nakuzo izihlambo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, nditetile ngobukwele bam nangobuṙalaṙume bam, ngenxa yokuba nilitwele ihlazo labaheyideni. 7Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndipakamisile isandla sam, ukuti: Ngenyaniso abaheyideni abaningqongayo, bona baya kutwala ihlazo labo. 8Kodwa nina, zintaba zakwa‐Sirayeli! niya kunika amasebe enu, nesiqa̔mo senu niya kusihlanzela abantu bam o‐Sirayeli; ngokuba sebekufupi ukuza. 9Ngokuba, bona ke, ndingecala lenu, ndandiya kubeka kuni, naniya kulinywa nihlwayelwe nokuhlwayelwa. 10Kanjalo ndiya kwandisa pezu kwenu abantu, yonke indlu ka‐Sirayeli, yona yonke; ziya kuti izixeko zimiwe, nendawo ezicitakeleyo zakiwe. 11Ewe ndiya kwandisa pezu kwenu abantu nezilo, abaya kwanda, bacu̔me nokucu̔ma; ndandiya kunihlalisa njengokwapambili ukumila kwenu, ndinenzele okulungileyo ngapezu kwokwokuqala kwenu; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 12Ndaye ndiya kubenza abantu bahambe pezu kwenu, abantu bam o‐Sirayeli; abaya kukufuya, wauya kuba lilifa labo, uze ungapindi kanjako ukubahluta abantwana. 13Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba besiti kuni: Ulilizwe elidlayo abantu, nelihlutayo izizwe zako abantwana; 14ngako oko abantu akuyi kubuya ubadle, nezizwe zako akuyi kubuya uzihlute abantwana, itsho inkosi e nguyehova. 15Ndandiya kwenza ukuba kungabuyi kuviwe kuwe ihlazo labaheyideni, nesigxeko sentlanga akuyi kubuya usitwale; kanjako izizwe zako akuyi kubuya uziku̔bekise, itsho inkosi e nguyehova.
16LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 17Nyana woluntu! indlu ka‐Sirayeli, bakuhlala emhlabeni wabo, bandula banco̔lisa wona ngendlela yabo nangezenzo zabo; indlela yabo ibisebusweni bam njengokunco̔la kwomfazi owahlukeneyo. 18Ngako ndatulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, ngenxa yegazi ababelipalazile elizweni, nangenxa yezitixwana zabo ababelinco̔lisile ngazo. 19Ndaza ndabati sa pakati kwabaheyideni, bacitwa pakati kwamazwe: ngokwendlela yabo nangokwezenzo zabo ndabagweba. 20Bati bakufika kubaheyideni, apo baya kona, bandula balidyoba igama lam elingcwele, ekubeni bekusitwa kubo: Ngabantu bakayehova aba, nakulo ilizwe lake bapumile. 21Kodwa ndabendinosizi ngenxa yegama lam elingcwele, eyabite indlu ka‐Sirayeli yalidyoba pakati kwabaheyideni, apo bafika kona.
22Ngako oko yiti kuyo indlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Akungenxa yenu endikwenza oku, ndlu ka‐Sirayeli! koko kungenxa yegama lam elingcwele, enilidyobileyo pakati kwabaheyideni, apo nifikile kona. 23Ndandiya kungcwalisa igama lam elikulu, elidyojiweyo pakati kwabaheyideni, enilidyobileyo pakati kwabo; baye abaheyideni beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, itsho inkosi e nguyehova, ndakungcwaliswa kuni pambi kwamehlo abo. 24Ngokuba ndiya kunitabata kubaheyideni, ndinibute emazweni onke, ndinizise kowenu umhlaba. 25Ndandiya kutshiza pezu kwenu amanzi amhlope, naniya kuhlambuluka; kuko konke ukunco̔la kwenu, nakuzo zonke izitixwana zenu, ndonihlambulula. 26Kanjalo ndoninika intliziyo entsha, nomoya omtsha ndowubeka pakati kwenu; ndandiya kususa intliziyo yelitye enyameni yenu, ndininike intliziyo yenyama. 27Nomoya wam ndiya kumbeka pakati kwenu, ndenze ukuba nihambe emimisweni yam; nezigwebo zam niya kuzigcina, nizenze. 28Naniya kuhlala elizweni endalinikayo koyihlo benu; niya kuba ngabantu bam, nam ndoba ngutixo wenu. 29Kanjako ndonisindisa kuko konke ukunco̔la kwenu; ndobizela inqolowa, nditi yona ndiyandise, ndingayibeki pezu kwenu indlala. 30Ndandiya kwandisa ukuqa̔ma kwomti, nokuxakata kwentsimi; ukuze ningabuyi namkele ukugxekelwa indlala pakati kwabaheyideni. 31Naniya kukumbula indlela zenu ezikohlakeleyo, nezenzo zenu ezingalungileyo, nizidele ngokwenu pezu kwenkohlakalo zenu napezu kwezinto ezibuntshontsho zenu. 32Akungenxa yenu endikwenza oku, itsho inkosi e nguyehova, makwazeke kuni: yibani nidanile nibe nentloni ngazo indlela zenu, ndlu ka‐Sirayeli!
33Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Emhleni endinihlambululayo kuzo zonke inkohlakalo zenu, sendiya kunihlalisa ezixekweni, nendawo ezicitakeleyo ziya kwakiwa. 34Nelizwe elibe libugxwayiba lona liya kulinywa, endaweni yokuba libugxwayiba emehlweni abo bonke abadlulayo. 35Baye beya kuti: Elilizwe, elibe libugxwayiba, liba njengomyezo we‐Hedeni; nezixeko ezibe zibunxuwa, zibugxwayiba, zicitiwe, zona zinqatyisiwe, zimiwe. 36Baya kwandula bakwazi abaheyideni abaseleyo beningqonga, okokuba mna Yehova ndiyaka indawo ezicitiweyo, ndityale leyo ebibugxwayiba: mna Yehova nditetile, ndandiya kwenza. 37Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndoba ndisabuzelwa oku yindlu ka‐Sirayeli, ukuba ndibenzele kona; ndobandisa njengomhlambi ngabantu. 38Njengomhlambi oyingcwele, njengomhlambi wase‐Yerusaleme emitendelekweni yayo engcwele, kwa njalo izixeko ezibunxuwa zoba zizele yimihlambi yabantu; baye beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.