1KEKALOKU nditi: Lonke ixesha oyindlalifa asengumntwana ngalo, akahluki kwikonza nganto, nakuba eyinkosi yako konke; 2koko engapantsi kwabondli namagosa, kude kube lixesha elimisiweyo nguyise. 3Kwa njalo nati, okuya sibe singabantwana, sibe sisebukonzweni ngapantsi kwazo iziqalelo zelilizwe: 4kodwa okuya ukuzaliseka kwexesha bekufikile, wati utixo watuma unyana wake, ezelwe ngomfazi, ezelwe ngapantsi kwomteto, 5ukuze abo babengapantsi kwomteto abakulule, ukuze sibamkele ubunyana. 6Kanjalo ukuba ningonyana, wati utixo watumela ezintliziywenu zenu umoya wonyana wake, ebiza ukuti: Aba, Bawo! 7Kwa njalo ke akusabi likonza, ungunyana; nokuba ungunyana, uyindlalifa katixo ngaye u‐Kristu kanjako.
8Kodwa oko okunene, ningamazi nje utixo, nakonza abo bangengotixo ngemvelo. 9Kodwa kaloku, nakuba nimazile utixo, ewe pezu kwoku nakuba naziwe ngutixo, yinina ukuba nibuya niguqukele kwezoziqalelo ezibutataka ezibuhlwempu, enifuna ukuzikonza kanjako ngokutsha? 10Niyaku̔tala ukugcina imihla, nenyanga, namaxesha, neminyaka. 11Ndinokwoyika ngani, ukuba kungati ndifumane ndanisebenzela.
12Ndiyanitandaza, bazalwana! yibani njengam, kuba nam ndiba njengani. Anandona nganto. 13Ewe niyazi ukuba bekungenxa yobulwelwe benyama yam endayishumayela ivangeli kuni matanci: 14nesilingo sam esibe sisenyameni yam anasidela, anasicekisa nokusicekisa; koko nandamkelayo njengengelosi katixo, njengo‐Kristu Yesu. 15Bebubobanina ngoko ubutamsanqa enati ninabo? kuba ndininqi̔nela okokuba ninge nite, ukuba bekusenzeka, nawadonyula amehlo enu, nawapa mna. 16Ndize ndaba lutshaba lwenu na, ndinitetela inyaniso nje?
17Bayanizondelela ke, kungengandawo efanelekileyo; ewe bayafuna ukunivalela ngapandle, ukuze nibazondelele bona. 18Kodwa kulungile ukuba kuzondelelelwe ngokufanelekileyo ngamaxesha onke, kungekokuya ndikoyo kuni kodwa. 19Lusatshana lwam! endinenimba yokunizala kanjako, ade u‐Kristu afanekiselwe kuni, 20bendingatandayo okunene ukubako kuni kaloku, nokuguqula ilizwi lam, kuba ndixakekile ngani.
21Ndixeleleni, nina nitandayo ukuba ngapantsi kwomteto, aniwuva na umteto? 22Ngokuba kuba̔liwe ukuba u‐Abrahame ebenonyana ababini; omnye ngekobokakazi, nomnye ngomfazi okululekileyo. 23Koko lowo wekobokakazi ebezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okululekileyo wazalwa ngalo idinga. 24Eziti ezizinto zitetwa ngokulinganisela: ngokuba ababafazi bezingcebano ezimbini; olunye luvela entabeni ye‐Sinai, luzalela ubukoboka, oluti lona lungu‐Hagare: 25(ngokuba eligama u‐Hagare liyintaba ye‐Sinai e‐Arabi:) kanjalo uyalungelelana ne‐Yerusaleme ekoyo ngoku, eti ke ikonze ndawonye nabantwana bayo. 26Kodwa i‐Yerusaleme epezulu ikululekile, eti yona inguma̔ wetu sonke. 27Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Vuya, ludlolokazi olungazaliyo! gqabuka udanduluke, wena ungenanimba! kuba bebaninzi abantwana balowo oyedwa ngapezu kwabalowo onendoda. 28Kodwa tina, bazalwana! njengokuba u‐Yisake ebenjalo, singabantwana bedinga. 29Kuloko njengokuba oko lowo ubezelwe ngokwenyama watshutshisa lowo ubezelwe ngo kwomoya, kukwa njalo nakaloku. 30Noko siti nina isiba̔lo? Gxota ikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana wekobokakazi engasayi kulidla ilifa ndawonye nonyana womfazi okululekileyo. 31Ngako ke, bazalwana! asingabantwana bekobokakazi, singabake umfazi okululekileyo.