Isidiliya sikaNabhoti
1Kwathi emveni kwezo zinto, uNabhoti waseYizereli enesidiliya esiseYizereli, ngasebhotweni lika-Ahabhi ukumkani wakwaSamari, 2wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndínike isidiliya sakho, ukuba sibe ngumyezo wemifuno; ngokuba sisondelelene nendlu yam; ndokunika isidiliya esilungileyo kuneso esikhundleni saso; ke ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho, ndokunika imali esilingeneyo. 3Wathi uNabhoti kuAhabhi, Makube lee kum ngenxa kaYehova, ukuba ndikunike ilifa loobawo. 4UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.
5Wafika uIzebhele umkakhe kuye, wathi kuye, Yini na ukuba usangane kangaka, ungadli nokudla? 6Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndínike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba ùyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
7Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli. 8Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti. 9Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu; 10nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuké uThixo nokumkani. Nize nimkhùphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe. 11Amadoda omzi wakhe, amadoda amakhulu nabanumzana ababehleli kuloo mzi wakhe, bênza njengoko abebathumele ngako uIzebhele, njengoko kwakubhaliwe ezincwadini abezithumele kubo.
12Bamema uzilo lokudla, bambeka uNabhoti phambi kwabantu. 13Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuké uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa. 14Bathumela ke kuIzebhele, bathi, UNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa. 15Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile. 16Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
17Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi, 18Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha. 19Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ùbuléle na, wathabatha na? Uthèthe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.
20Wathi uAhabhi kuEliya, Ùndifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova, uyabona, 21ndikuzisela ububi, ndíwatshayele amavela-mva akho, ndiyinqamle kwa-Ahabhi yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli. 22Ndoyenza indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya, ngenxa yokuqumbisa ondiqumbise ngako, wawonisa amaSirayeli. 23Kananjalo wathetha uYehova ngoIzebhele, wathi, UIzebhele uya kudliwa zizinja emseleni wongqameko lwaseYizereli. 24Owakwa-Ahabhi ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.
25(Kodwa bekungekho unjengoAhabhi, owazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, owaxhokonxwayo nguIzebhele umkakhe. 26Wenza ngokwamasikizi kunene, ngokulandela izithixo ezizizigodo, njengoko ênza ngako ama-Amori, awawagqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.)
27Kwathi, akuweva uAhabhi loo mazwi kaEliya, wazikrazula iingubo zakhe, wabeka iingubo ezirhwexayo enyameni yakhe, wazila ukudla, walala ngeengubo ezirhwexayo, wahamba kuhle. 28Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi, Uyakubona na, ukuzithoba kwakhe uAhabhi ebusweni bam? 29Ngenxa enokuba ezithobile ebusweni bam, andiyi kubuzìza ububi emihleni yakhe; ndiya kuyizisela ububi indlu yakhe ngemihla yonyana wakhe.