Ukuhlasela kuka-Ahabhi iRamoti yaseGiliyadi, nokufa kwakhe
1Kwahlalwa iminyaka yamithathu, kungekho mfazwe phakathi kwama-Aram• namaSirayeli.
2Kwathi ngomnyaka wesithathu wehla uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani wakwaSirayeli. 3Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina; asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram? 4Wathi kuYehoshafati, Wòhamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho. 5Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.
6Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amané amadoda, wathi kubo, Ndíye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani. 7Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye? 8Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye, esingabuzisa ngayo kuYehova; ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi: nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani. 9Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
10Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, wahlala elowo etroneni yakhe, evethe iingubo zakhe, esandéni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo. 11UZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ùya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe. 12Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka, uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
13Ke umthunywa, obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; izwi lakho makhe libe njengelizwi labo, uthethe okuhle. 14Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha kum uYehova, ndothetha khona.
15Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, síye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani. 16Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungandixeleli into engeyiyo inyaniso egameni likaYehova? 17Wathi yena, Ndiboné amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Aba àbanankosi; mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
18Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndibe ndingatshongo na, ukuthi kuwe, akayi kuprofeta okuhle ngam, woprofeta ububi bodwa?
19Wathi yena, Ngako oko, live ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe; 20wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha. 21Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? 22Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Ùya kumlukuhla, efeze; phuma uye, wenjenjalo. 23Uyabona kaloku, uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wâbo baprofeti bakho bonke; uYehova uthethe okubi ngawe.
24Wesuka uZedekiya unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe phi na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe? 25Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungèle amagumbi, uzimela. 26Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabathe uMikaya, ubuye naye, umse kuAmon umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani; uthi, 27Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo. 28Wathi uMikaya, Ukuba ubuye wabuya unoxolo, wóba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani, nonke zizwe ziphela.
29Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi. 30Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yàmbatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, wangena ekulweni.
31Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli bakhe beenqwelo zokulwa abamashumi mathathu anababini, wathi, Ize ningalwi nomncinane nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa. 32Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Inene, ngukumkani wakwaSirayeli; batyeka ke, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati. 33Kwathi, bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa ukuba asinguye ukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni. 34Wathi umntu watyeda isaphetha, efunisela, watsho kukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi yena kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undise ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
35Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram, wafa ngokuhlwa; igazi lenxeba lakhe lankcenkceza, laya esiswini senqwelo. 36Kwavakala kukhwazwa emkhosini ukutshona kwelanga, kusithiwa, Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe! 37Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari. 38Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.
39Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise; 40uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
UYehoshafati ukumkani wamaYuda noAhaziya ukumkani wamaSirayeli
41UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesiné ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli. 42UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi. 43Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. 44UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.
45Ezinye izinto zikaYehoshafati, nobugorha bakhe awabenzayo, nokulwa kwakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 46Amasalela amang'awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni. 47Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba. 48UYehoshafti wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Àzaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere. 49Waza wathi uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, kuYehoshafati, Abakhonzi bam mabahambe nabakhonzi bakho ngeenqanawa. 50Àkavuma uYehoshafati. UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise. UYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
51UAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli. 52Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangendlela yonina, nangendlela kaYarobheham unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli. 53Wakhonza uBhahali,• waqubuda kuye, wamqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli, njengako konke awakwenzayo uyise.