Intetho yokugqibela kaElifazi
1Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
2Umfo unokumnceda na uThixo?
Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.
3Kumnandi na kuSomandla, xa ùlilungisa?
Kuyinzuzo na kuye, ukuba ùyazigqibelelisa iindlela zakho?
4Úya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo,
Aye nawe ematyaleni?
5Ububi bakho abubukhulu na?
Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?
6Kuba ubúbambise umzalwana wakho ngelizé,
Ububahluba abazé iingubo.
7Ubungàmsezi manzi otyhafileyo,
Olambileyo ubumvimba ukutya.
8Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe;
Obekekileyo ubehlala kulo.
9Abahlolokazi ububandulula belambatha,
Neengalo zeenkedama ubuzityumza.
10Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile,
Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.
11Khona akububoni na ubumnyama,
Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?
12UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na?
Bóna ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!
13Ùthi ke wena, Wázi ntoni na uThixo?
Únokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?
14Amafu amsithile, akaboni;
Úzihambela okwakhe esazingeni samazulu.
15Umendo wasephakadeni ùya kuwugcina na,
Abawunyatheléyo abantu abanobutshinga?
16Àbashwabene lingekabi lixesha;
Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,
17Àbabesithi kuThixo, Suka kuthi;
Angabenza ntoni na uSomandla?
18Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.
Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
19Aya kubona oko amalungisa, avuye;
Omsulwa uyabagculela, esithi,
20Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka,
Wakúdla umlilo ukuphuphuma kwabo.
21Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo;
Ngaloo nto wòzelwa kokulungileyo.
22Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,
Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.
23Ukuba ùthe wabuyela kuSomandla, ùya kwakhiwa.
Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,
24Walibeka eluthulini ilitye legolide,
Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:
25USomandla woba lilitye legolide kuwe,
Nesilivere ebengezelayo kakhulu.
26Ngokuba ùya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla,
Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
27Wòthandaza kuye, eve,
Uzizalise izibhambathiso zakho;
28Usongele into, ifezeke kuwe;
Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
29Xa zithe zehla, wòthi, Phezulu!
Amsindise omehlo aqondele phantsi.
30Úya kusindisa nongemsulwa,
Asizwe bubunyulu bezandla zakho.