ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, obiziweyo ukuba ngumpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, no‐Sositene umzalwana wetu, 2kubo abayiṙemente katixo ese‐Korinte, abangcwalisiweyo ku‐Kristu Yesu, ababiziweyo ukuba ngabangcwele, kunye nabo bonke ababizayo egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu kuzo zonke indawo, kwa neyabo neyetu i‐Nkosi: 3Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
4Ndiyabulela kutixo wam ngamaxesha onke ngani, ngenxa yofefe lukatixo enaninikiwe lona ku‐Kristu Yesu; 5ukuba nanite ezintweni zonke natyetyiswa kuye, kuko konke ukuteta nako konke ukwazi; 6njengokuba ubunqi̔na buka‐Kristu bebuqiniswa pakati kwenu: 7nide ningasweli nasinye isipiwo; nilinda ukutyilwa kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu: 8oya kuti kanjalo aniqinise kude kube sekupeleni, ningenakunikwa ityala emhleni wenkosi yetu u‐Yesu Kristu. 9Unyanisekile utixo, enite ngaye nabizelwa ebudlelaneni bonyana wake u‐Yesu Kristu inkosi yetu.
10KEKALOKU ndiyanikunga, bazalwana! ngalo igama lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba nibe nokuteta okukwa kunye nonke, ize zingabiko impambano pakati kwenu, kodwa nibe nizalisekile kolukwa lunye uluvo nakwekwa nye ingcingo. 11Ngokuba kuxeliwe kum ngani, bazalwana bam! ngabaka‐Kiloyi, ukuba kuko amapike pakati kwenu. 12Into nditeta yona ke, yeyokuba kutshiwo nini ngabanye ukuti: Mna ndingoka‐Paulusi; nokuti: Mna ndingoka‐Apolosi: nokuti: Mna ndingoka‐Kefasi; nokuti: Mna ndingoka‐Kristu. 13Wahlukile na u‐Kristu? u‐Paulusi ubenikuruseshelwe na? okunye nibe nibapitizeshelwe na egameni lika‐Paulusi? 14Ndiyabulela kutixo ukuba ndingabapitizeshanga namnye wakuni, kupela u‐Krisipo no‐Gayusi; 15ukuze kungabiko mntu otshoyo ukuti ndabapitizeshela kwelam igama. 16Ndabapitizesha kodwa nabendlu ka‐Stefana: okupezu kwoku, andazi ukuba ndabapitizesha omnye umntu kusinina.
17Ngokuba u‐Kristu enganditumanga ukuba ndibapitizeshe, koko wanditumayo ukuba ndiyishumayele ivangeli: kungabi ngabulumko bokuteta, ukuze ikuruse ka‐Kristu ingenziwa into engento yanto. 18Ngokuba ukuteta kwekuruse kububudenge kwababubayo, kodwa kungamandla katixo kuti basindiswayo. 19Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Ndobububisa ubulumko bamalumko, nengqondo yezazi ndoyitshabalalisa. 20Lipina ilumko? upina umba̔li? upina umpikisi welilizwe likoyo? utixo akabenzanga ubulumko belizwe eli bube bubudenge na? 21Ngokuba emvenikweni ebulumkweni bukatixo ilizwe belingamazanga utixo ngabo ubulumko balo, kwakolisa utixo ukuti ngabo ubudenge bokushumayela asindise abakolwayo: 22ngokokuba ama‐Juda abiza umqondiso, nama‐Girike afuna ubulumko; 23kodwa tina sishumayela u‐Kristu ekuruseshiwe; isixakaniso kuma‐Juda, nobudenge kuma‐Girike; 24kodwa kwababiziweyo, kwa nama‐Juda nama‐Girike, u‐Kristu engamandla katixo, nobulumko bukatixo. 25Ngokuba okubudenge bukatixo kulumkile ngapezu kwabantu; nokubutataka bukatixo kunamandla ngapezu kwabantu.
26Ngokuba nibona ukubizwa kwenu, bazalwana! ukuba asi ngabaninzi abalumkileyo ngokwenyama, asi ngabaninzi abanamandla, asi ngabaninzi abayimiduna: 27koko izinto ezibudenge zelizwe wazinyula utixo, ukuze adanise abalumkileyo; nezinto ezibutataka zelizwe wazinyula utixo, ukuze adanise izinto ezomeleleyo; 28nezinto ezimnyama zelizwe, nezinto ezidelekileyo, wazinyula utixo, nezinto ezingekoyo ukuze atshabalalise izinto ezikoyo; 29kuze kungabiko namnye umntu oqa̔yisayo ebusweni bake. 30Kodwa ngaye yena nina nikuye u‐Kristu Yesu, owenzelwa tina ubulumko buvela kutixo, kwa nobulungisa, nengcwaliso, nokululo: 31ukuze, njengokuba kuba̔liwe: Lowo uqa̔yisayo, makaqa̔yise ku‐yehova.