1WACINGA u‐Solomone ukwaka indlu ibe yeyegama likayehova, nendlu ibe yeyobukumkani bake. 2Waza wabala u‐Solomone amawaka angamashumi asixe̔nxe amadoda abe ngabatwali, namawaka angamashumi asibozo amadoda abe ngababazi ezintabeni, namawaka matatu anamakulu matandatu abongama pezu kwawo.
3Kekaloku u‐Solomone watuma ku‐Hurame ukumkani we‐Tire, ukuti: Njengokuba ubusenza ku‐Davide ubawo, waza wamtumela imiti yesedare, ukuze akelwe indlu ukuba ahlale kuyo, yenje njalo nakum. 4Bona ke, ndiyaka indlu egameni likayehova, utixo wam, ize yenzwe ngcwele kuye, ukuba kuqunyiswe ebusweni bake isiqumiso esimnandi, nokuba ibe yeyezonka zokuṙozwa futi, neyamadini okutshiswa ngokusa nangokuhlwa, ngemihla yesabata, nangenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo kayehova, utixo wetu: yinto engunapakade le ko‐Sirayeli. 5Kanjalo indlu endiyakayo, yoba nkulu: ngokuba emkulu utixo wetu pezu kwotixo bonke. 6Ngubanina kodwa onamandla okuba amakele indlu, izulu, kwa nezulu lamazulu, lingenako ukumbamba nje? ndingubanina nam, ukuba ndimakele indlu, kupela kuqunyiswe isiqumiso ebusweni bake? 7Ngako kaloku, nditumele indoda elumkileyo, isebenze ngegolide, nangesilivere, nangexina, nangesincete, nangesimnyama, nesibomvu, nezuluṙa, ekwaziyo nokuqingqa iziqingqwa, ibe ndawonye namalumko endinawo kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, owati u‐Davide ubawo walungisa wona. 8Nditumele nemiti yesedare, neyeberoshe, neyelagume, ivela e‐Lebanone; ngokuba ndisazi mna, okokuba izicaka zako ziyazi ukugaula imiti yase‐Lebanone; kanjalo, bona ke, izicaka zam zoba nezicaka zako: 9kuze kundilungiselwe imiti ngento eninzi: ngokuba londlu endiza kuyaka, yoba nkulu ngento engummangaliso. 10Kanjalo, bona ke, ndiya kunika izicaka zako, abagauli abagaula imiti, ikore zenqolowa ebuliweyo ezingamawaka angamashumi mabini, nekore zeṙalasi ezingamawaka angamashumi mabini, nebate zeveyine ezingamawaka angamashumi mabini, nebate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.
11Waza wapendula u‐Hurame ukumkani we‐Tire ngencwadi, wayituma ku‐Solomone, wati: Ngokuba uyehova ebatandile abantu bake, umisile wena ukumkani pezu kwabo. 12Wati kanjalo u‐Hurame: Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, owenzayo izulu nomhlaba, onikileyo ku‐Davide ukumkani unyana olumkileyo, ekwazi ukutelekelela nokuqonda, ongayakayo indlu ibe ye kayehova, nendlu ibe yeyobukumkani bake! 13Ngako kaloku, nditumile indoda elumkileyo, ikwazi ukuqonda, kwa u‐Hurame, ubawo wam, 14unyana womfazi ezintombini zakwa‐Dane, oyise uyindoda yase‐Tire, owaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, ngexina, ngesincete, ngamatye, nangemiti, ngesimnyama, ngezuluṙa, nangeqiya eshiceneyo, nangesibomvu, nokuqingqa iziqingqwa zonke, nokuqinga onke amasetyenzwa obuncibi aya kunikwa kuye, abe ndawonye namalumko ako, namalumko enkosi yam u‐Davide uyihlo wako. 15Ngako kaloku, inqolowa, neṙalasi, neoli, neveyine, inkosi yam itetile ngazo, maizitume kwizicaka zake; 16nati siya kugaula imiti e‐Lebanone, njengako konke ukuswela kwako, siyizise kuwe ngemitantatu pezu kwolwandle e‐Jopa; uze wena uyinyusele e‐Yerusaleme.
17Wabala u‐Solomone onke amadoda asemzini abeko elizweni lakwa‐Sirayeli, ngokubala abewabalile ngako u‐Davide uyise wake; aza afunyanwa engamawaka alikulu linamashumi mahlanu, namawaka matatu anamakulu matandatu ngapandle. 18Waza wenza kuwo amawaka angamashumi asixe̔nxe abe ngabatwali, namawaka angamashumi asibozo abe ngababazi ezintabeni, namawaka matatu anamakulu matandatu abe ngabongama ukusebenzisa abantu.