1BAZA abemi base‐Yerusaleme bamenza u‐Ahaziya, unyana wake omncinane, ukumkani esikundleni sake: ngokuba bonke abakulu ibandla elibe lizile nama‐Arabi emnqubeni belibabulele. Kwa njalo wapata ubukumkani u‐Ahaziya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda. 2Ebeyiminyaka imashumi mane anamibini u‐Ahaziya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme umnyaka wamnye. Igama lonina lalingu‐Hataliya, intombi ka‐Omri. 3Wahamba naye ezindleleni zendlu ka‐Ahabi: ngokuba unina ebengumcebisi wake ukwenza ngobuncwangu. 4Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengendlu ka‐Ahabi: ngokuba bebengabacebisi bake bona, emveni kwokufa kwoyise, kube kukubujiswa kwake. 5Kanjako wahamba ngecebo labo, waya no‐Yehorame unyana ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ukulwa ngakuye u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, e‐Ramote yase‐Gileyadi; aza ama‐Siriya ambeta u‐Yorame. 6Ngako wabuya ukuya kupoliswa e‐Yezerele, ngenxa yamanxeba abewenzelwe e‐Rama, ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya.
Waza wehla u‐Hazariya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda, ukuya kubona u‐Yehorame unyana ka‐Ahabi e‐Yezerele, ngokuba ebesifa. 7Kwaye kuvela kutixo ukutshatyalaliswa kuka‐Ahaziya ngokuza ku‐Yehorame: ngokuba emva kwokufika kwake, wapuma no‐Yehorame ngakuye u‐Jehu unyana ka‐Nimshi, lowo uyehova ubemtambisele ukunqamla indlu ka‐Ahabi. 8Kwaza kwati, xeshekweni u‐Jehu abesenza umgwebo pezu kwendlu ka‐Ahabi, wafumana inkosi zakwa‐Juda, nonyana babakuluwe baka Ahaziya, ababekonza kuye u‐Ahaziya, wababulala. 9Wandula wamfuna u‐Ahaziya; bada bambamba, (ngokuba ebezimele e‐Samariya,) bamsa ku‐Jehu; baza bamfisa, bamncw̔aba; ngokuba bebesiti: Ungunyana ka‐Yehoshafate, owafuna uyehova ngayo yonke intliziyo yake.
Yaye indlu ka‐Ahaziya yayingaserako ukubamba amandla ebukumkanini.
10KEKALOKU u‐Hataliya, unina ka‐Ahaziya, akubona ukuba unyana wake ufile, wandula wesuka wabubisa yonke inzalo yobukumkani yendlu ka‐Juda. 11Kodwa u‐Yehoshebate, intombi yokumkani, wamtabata u‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya, wamba̔ pakati kwonyana bokumkani ababebulewe, wambeka yena nomanyisikazi wake enkambilini yemandlalo: kwa njalo u‐Yehoshebate, intombi yokumkani u‐Yehorame, umfazi ka‐Yoyada umperisite, (ngokuba yena ebengudade ka‐Ahaziya,) wamfihla ku‐Hataliya, ukuba akambulala. 12Wayeko nabo endlwini katixo ezimele kona iminyaka yamitandatu. Waza u‐Hataliya wapata ubukumkani pezu kwelizwe.