1KODWA kwabekuko nabaprofite ababuxoki pakati kwabantu, njengokuba kuya kubako abafundisi ababuxoki napakati kwenu, abo abaya kuti ngokunyebelezisa bangenise izahlukaniso ezitshabalalisayo, bekanyela nenkosi yabatengayo, ezihlisela intshabalalo ezayo kamsinya. 2Baye abaninzi beya kulandela imikwa yabo etshabalalisayo; okungetuba labo indlela yenyaniso iya kugxekwa. 3Kanjalo ngokubawa baya kunenza intengo ngamazwi abebezekayo; abakugwetywa kwabo kuse kukade kungazilazili, nokutshabalala kwabo kunganqwalazi.
4Ngokuba ke, ukuba utixo akayeka ingelosi zakwona, koko eziwisele esihogweni somlilo emixokelelwaneni yesitokotoko wazinikelayo ukugcinelwa ukugwetywa; 5nokuba akayeka ilizwe lakudala, koko wamlondolozayo u‐Nowa umshumayeli wobulungisa nabanye abasixe̔nxe, akuzisa umsingakazi pezu kwelizwe labangabedeshiyo; 6nokuba izixeko ze‐Sodome ne‐Gomora eziguqule nje zibe ngumtutu wazigweba ngengci̔takalo, ezimisa zibe ngumlinganiso kwabaya kwenza ngokungabedeshi: 7no‐Lote olungileyo, edinisekile kukumila okubutshinitshini kwabakohlakeleyo, wamhlangula; ( 8ngokuba lomntu olungileyo, ngokubona nangokuva, emi pakati kwabo, wakataza umpefumlo wake olungileyo imihla ngemihla ngezenzo zabo ezingendawo;) 9iyakwazi inkosi ukuhlangula ababedeshekileyo ekulingweni, nokugcinela abangalungileyo umhla womgwebo ukuba bohlwaywe; 10nakakulu ke abo bahambayo ngokulandela inyama enkanukweni yokunco̔lileyo, badele nobukosi.
Basile, banenkani, aboyiki ukugxeka abasebungcwaliseni: 11apo ingelosi, ezigqitisileyo ngobomelelo nangamandla, zingazisiyo isincetezo esigxekayo ngakubo pambi kwenkosi. 12Kodwa aba, njengezilo ezingatelekeleliyo, ezilandela okwemvelo, ezenzelweyo ukubanjwa nokubulawa, begxeka izinto abangazaziyo, bogqibela ukwonakala elwonakalweni lwabo, 13beza kwamkela nje umvuzo wokungalungileyo: bebala ububedengu basemini ukuba bungumhlali; bengamabala nezipako; befeketa ezinkohlisweni zabo, nxa badlayo nani emitendelekweni; 14benamehlo ezele luṙexezo, engenako ukuyeka isono: behenda imipefumlo ejingayo, benentliziyo iqeliselwe ukubawa, bengabantwana boqalekiso: 15abati beyishiyile nje indlela elungileyo, balahleka, balandela indlela ka‐Bilame unyana ka‐Bosori, owatanda umvuzo wokungalungileyo; 16kodwa wohlwayelwa ukugqita kwake umteto: iqwaṙashe elisidenge, liteta ngelizwi lomntu, lalela ubugeza bomprofite lowo.
17Aba bayimitombo engenamanzi, bangamafu equ̔tywayo luqwitela; ekugcinelwe bona isitokotoko sobumnyama kude kube ngunapakade. 18Ngokuba besiti, beteta nje amazwi okuzidla angendawo, bahende ngenkanuko zenyama, ngezinto zobutshinitshini, abo babesindile kanye kubo abahlalayo elulahlekweni; 19bebatembisa nje inkululeko, bona ngokwabo bengamakonza olwonakalo: ngokuba lowo umntu oyiswayo nguye, ekonziswa nguye lo kanjalo. 20Ngokuba, emvenikweni basindileyo kwizinco̔liso zaselizweni ngokwaziwa kwayo inkosi nomsindisi u‐Yesu Kristu, ukuba ke babuya baṙintyelwe zizo, boyiswe, okwokupela kwabo kubi ngakumbi kokwokuqala. 21Ngokuba ngekuba kubalungele ukuba babe bengayazanga indlela yobulungisa, ngapezu kwokuba bati, emvenikweni bayazileyo, baguquke kuwo umyalelo ongcwele obunikelwe kubo. 22Kodwa kubahlele okwomzekeliso oyinyaniso: Inja ibuyele emhlanzweni wayo; nehangukazi ebihlanjiwe, endaweni yokuqikileka eludakeni.