1Ngako oko sishiya nje isifundiso sokuqalela sika‐Kristu, masihambise ngakuyo imfezeko; singabeki kanjako umsekelo woguquko lwokuguquka emisebenzini efileyo, nowenkolo ngakuye utixo; 2owofundiso lwembapitizesho, nowokubekwa kwezandla, nowokuvuka kwabafileyo, nowokugwetywa okungunapakade. 3Kanjalo oku siya kukwenza, ukuba kambe kuyavunyelwa ngutixo. 4Ngokuba kunqabele abo babekanyisiwe kanye, beva upiwo lwasezulwini, baba ngabamkeleyo umoya oyingcwele, 5beva ilizwi elilungileyo likatixo, namandla elizwe eliza kuza, 6baza bapambuka noko, ukuba babuye bahlaziywe lude lube luguquko, ekubeni bati bazikuruseshele ngokutsha unyana katixo, bamhlazise ekuhleni.
7Ngokuba umhlaba oyiselayo imvula isiza futi pezu kwawo, ovelisa imifuno elungele abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo kanjalo, ulamkela itamsanqa kutixo; 8kodwa lowo upumisayo imitolo nezipingo uyaliwa, ukufupi nokuqalekiswa; osipelo sesokuba utshiswe.
9Kodwa siyazitembela ngani, bazalwana! izinto ezilungileyo kwezi, ezilandelana nosindiso, nakuba siteta njalo. 10Ngokuba utixo engenguye ongenabulungisa, ukuba alibale umsebenzi wenu, nomzamo wenu wotando, enilubonakalisileyo ngakulo igama lake, senibakonzile nje abangcwele, nisabakonza kanjalo. 11Kodwa siyakanuka ukuba niti nonke ngabanye olo lona uku̔talo nilubonakalisele ukuqiniswa okuzalisekileyo kwetemba kude kube sekupeleni; 12ukuze ningabi nakudangala, kodwa nibe ngabalandeli babo abati ngako ukukolwa nokuzeka kade balidle ilifa lamadinga.
13Ngokuba utixo akumbekela u‐Abrahame idinga, ekubeni bekungeko namnye omkulu kuye angamfungayo, wazifunga kwa yena, 14esiti: Ngenyaniso ndokutamsanqela kakulu, ndokwandisa kakulu kanjako. 15Kwa njalo akuba ezeke kade wazuza ukufezwa kwedinga. 16Ngokuba abantu okunene befunga lowo umkulu kubo, siti isifungo sokuqinisa senzele bona ukupela kwako konke ukupika. 17Owayete ngoko utixo, efuna ukunga angababonisa abazindlalifa zokubekiweyo ngedinga kakulu ngakumbi ukungaguquleki kwecebo lake, walamla ngesifungo; 18ukuze siti, ngazo indawo ezimbini ezingaguqulekiyo, ekungenzeki kuzo ukuba axoke utixo, sibe nolwonwabiso olwomeleleyo tina sisabeleyo ukulibamba itemba elibekwa pambi kwetu; 19esinalo njengeyankore yompefumlo, linqabile, liqinisekile, lingena kokupakati kwekuselo kanjako; 20apo wangena kona u‐Yesu engumanduleli ngenxa yetu, enziwe umperisite omkulu ngesimo sika‐Makizedeki kude kube ngunapakade.