U‐Jobi 19
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Kwoda kube ninina niya kubindisa umpefumlo wam, nindityumze ngamazwi? 3Lamaxesha alishumi nindihlazisile: anidanile ukuba nindipata kakubi. 4Kodwa okunene noko ndiposisileyo, isiposo sam sihleli nam. 5Ukuba okunene niya kuzenza bakulu ngakum, nipikise ngakum isigxekwa sam: 6yazini kaloku ukuba ngutixo ondipenuleyo, wandipahla ngotambo lwake.
7Bona ke, ndiyabiza ngobudlwengu, kanti andamkeli impendulo; ndiyakala, kanti aluko ugwebo. 8Umendo wam uwubiyile, ize ndingadluli; nasezindleleni zam ububekile ubumnyama. 9Undihlubile ubungcwalisa bam; nesitsaba sentloko yam usisusile. 10Undicitile ngamacala onke, ndimke ke; netemba lam ulinyotule njengomti. 11Uvutisile ngakum ingqumbo yake; uyandibala ngokuba njengentshaba zake kuye. 12Ayeza kunye amabandla ake, apakamise ngakum indlela yawo, ati waca ngokungqonga intente yam. 13Abazalwana bam ubafudusile kude kum; nabandaziyo baqipukelene kanye nam. 14Abalamane bam bancamile; nabazane bam bandilibele. 15Abo bapambukele endlwini yam, nezicakakazi zam, bayandibala ngokuba ngowasemzini; ndingowelinye ilizwe emehlweni abo. 16Ndabiza isicaka sam, kanti asisabelanga; ndataṙuzisa kuso ngomlomo wam. 17Umoya wam usisimangaliso kumfazi wam, nokubongoza kwam kubantwana besizalo esandizalayo. 18Kwa nentsatshana zindidelile: ziti ndakusuka, zandul’ ukuteta ngakum. 19Onke amakolwane am andizondile; nabo ndabatandayo bajikile ngakum. 20Amatambo am ate nama entlonzeni yam nasenyameni yam; kendasinda ngentlonze yamazinyo am. 21Taṙu, taṙu, nina zihlobo zam! ngokuba isandla sikatixo sindibetile. 22Yinina ukuba ninditshutshisa njengotixo, nokuba ningancanyiswa yinyama yam?
23Akwaba amazwi am abe kwa kaloku eba̔lwa ke! akwaba abeqingqelwa encwadini! 24ngesiqingqiso sesincete kunye nelode, aqoqelwe eweni ngonapakade! 25Ngokuba ndisazi mna ukuba umkululi wam uhleli, nokuba ekupeleni wosuka eme pezu kwomhlaba: 26nokuba okuya emveni kwentlonze yam kubujisiwe umzimba lo, ndoti noko kwa senyameni yam ndibone utixo; 27endiya kumbona mna ngokwam, namehlo am aya kumkangela, engenguye owasemzini: ziyapelela oku izintso zam pakati kwam.
28Ngokuba ninge nisiti: Siyamtshutshisela nina? ingcambo yendawo ifunyenwe kum nje. 29Zoyikeleni ngenxa yeṙele; ngokuba umsindo ubang’ ukwohlwaya kweṙele; ukuze nazi ukuba kuko ukugweba.
Bible Society of South Africa 1902