Amaculo 36
ICULO XXXVI.
Elika‐Davide, lesicaka sika‐Yehova, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1UKUGQITA kwokohlakeleyo kuti entliziyweni yam: akuko ukwoyika u tixo pambi kwamehlo ake. 2Ngokuba ezibonga emehlweni ake, ngokufunyanwa kwenkohlakalo yake nangokutiywa kwayo. 3Amazwi omlomo wake ayinto engendawo nenkohliso: usel’ eyekile ukulumka nokulungisa. 4Uyaqinga ububi eluku̔kweni lwake; uyazimisa endleleni engalungileyo; akalahli okukohlakeleyo.
5Yehova! ububele bako bufikelela ezulwini, nenyaniso yako kude kube semafini. 6Ubulungisa bako bunjengentaba zikatixo; izigwebo zako ziyinzulu enkulu: uyalondoloza abantu nenkomo, Yehova! 7Hai ukunqaba kwobubele bako, Tixo! ngako onyana babantu bopepela esitunzini samapiko ako. 8Baya kukoliswa kukutyeba kwendlu yako; wauya kubaseza kuwo umlambo weziyoliso zako. 9Ngokuba unawe umtombo wokudliwa kwobomi; sobona ukukanya kwa sekukanyeni kwako.
10Yolula ububele bako ngakubo abakwaziyo, nobulungisa bako ngakubo abalungileyo ngentliziyo. 11Malungezi kum unyawo lwer̔atshi, nesandla sabakohlakeleyo masingandishukumisi. 12Bawile apo abenzi benkohlakalo; bakahlelwe pantsi, bekohlwa kuvuka.
Bible Society of South Africa 1902