UDavide unikela uSolomon ukuba abe ngukumkani
1Ke kaloku, xa uDavide wayesel' aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli.
Amanani abaLevi nomsebenzi wabo
2Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi. 3Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka. 4Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamané amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu. 5Abamasango baba ngamawaka amané; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amané. 6UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.
7KumaGershon yanguLadan noShimehi. 8Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu. 9Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan. 10Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané. 11UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.
12Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bané. 13Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisèle phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni. 14Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi. 15Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere. 16Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu. 17Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela. 18Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu. 19Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné. 20Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.
21Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe. 22Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo. 23Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.
24Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwáyo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa. 25Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni. 26Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo.
27Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa. 28Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo: 29owezonka ezikrozileyo, nowomgubo ocoliweyo, nowomnikelo wokudla, nowezonkana ezisicaba ezingenagwele, nowezojiweyo ngepani, nowento ekroqiweyo, nowokulinganisa konke ngokukha nangobude; 30nowokuma imisó ngemisó, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa; 31nowokunyusa onke amadini anyukayo kuYehova ngesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, ngenani ngokwesiko lazo, ngamaxesha onke, phambi koYehova; 32bagcine isigxina sentente yokuhlangana, nesigxina sengcwele, nesigxina soonyana baka-Aron, abazalwana babo, ukuba bakhonze endlwini kaYehova.