Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 104

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 22

Isililo nengoma yokubonga

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. Uvunywa ngokwengoma ethi: “Inxala lomsobomvu.”

1Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?

Kudala ndizigixa, ndicel' uncedo,

kodwa andikalufumani unangoku!

2Thixo wam, emini ndikhalela kuwe, kodwa akundiva.

Nasebusuku ndiyakhala,

ndingafumani kuphumla phezu koko.

3Kambe wena ungqendeve phakathi kwabakudumisayo;

nditsho wena ngangamela yakwaSirayeli.

4Babekholose ngawe ookhokho bethu;

babekuthembile, wabahlangula wena.

5Bakhala kuwe, wabakhulula wena;

babethembele ngawe, akwabadanisa.

6Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;

ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.

7Bonk' abandibonayo bayandigxwala;

bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:

8“Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;

makamkhulule ukuba uyamthanda.”

9Kanti ke nguwe owawundikhusele kwasekuzalweni kwam,

wandilondoloza ndisesemabeleni kama.

10Ndahlulelwa wena kwasekuzalweni kwam;

ubunguThixo wam wena ndingekazalwa.

11Mus' ukuba kude kum.

Kaloku sele isemnyango imbandezelo;

ibe akukho namnye ongandincedayo.

12Zindingqongile iintshaba zam,

ngathi ziinkunz' ezomeleleyo zaseBhashan;

zindivelele macal' onke.

13Zikhamisile, zindivulel' imilomo;

ziyandijamela zixel' ingonyam' egqumayo.

14Ndiphelelwe; amandla aphalele njengamanzi,

ahlukene onke amathambo am,

intliziyo yam iyanyibilika ngathi ngumthwebeba.

15Aphele mpel' amandla kum,

ulwimi lwam lunamathel' ezinkalakahleni,

undishiy' eluthulini njengofileyo.

16Lindirhawul' igquba labantw' abagwenxa,

ndangathi ndirhangqwe ligqiza lezinja;

bandidlavul' izandla neenyawo,

17ngoko ke amathambo am aphandle.

Ke zona iintshaba zam zibukele.

18Babelana ngeengubo zam;

benzelan' amaqashiso ngesambatho sam.

19Ke wena, Ndikhoyo, mus' ukuba kude nam;

Mkhululi wam, khawuleza undincede!

20Ndihlangule ekreleni,

undisindise kwezi zinja.

21Ndihlangule emlonyeni wengonyama;

ndisindise kulo mngcipheko ndikuwo.

22Ndowabalisela amawethu ngezint' ozenzileyo,

ndikubonge ebandleni, ndithi:

23“Mbongen' uNdikhoyo, nina bamhlonelayo;

mdumiseni nonke, nina bonyana bakaYakobi;

mhloneleni nonke, nina nzala kaSirayeli!

24Kaloku akazideli engazicekisi iintsizi zehlwempu;

uyaziva izicelo zalo, angalifulatheli.”

25Ndiya kukubonga esidlangalaleni,

ngenxa yezinto ondenzele zona;

ndowafezekisa amadinga endawenzayo,

phambi kwebandla lâbo bakuthobelayo.

26Amahlwempu aya kutya ahluthe mpu;

bombonga uNdikhoyo abo bamfunayo.

Banga banganempumelelo engapheliyo.

27Zonke izizwe zomkhumbula uNdikhoyo,

zibuyele kuye ehlabathini liphela,

ziqubude kuye zonke iintlanga.

28Kaloku nguNdikhoyo ukumkani;

nguye umlawuli weentlanga zonke.

29Ewe, zonk' izinhanha ziya kudlelana, zimvume yena;

nditsho yonk' intw' engumntu iya kumnqul' uNdikhoyo.

30Izizukulwana ziya kumkhonza,

ooyise babalisele abazukulwana ngoNdikhoyo.

31Ewe, nâbo bangekazalwa boxelelwa

ukuba uNdikhoyo wabasindisa abantu bakhe.

IINDUMISO 23

NguNdikhoyo umalusi wam

Umhobe kaDavide.

1*InguNdikhoyo nje ondalusayo,

ndingaswela ntoni na?

2Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,

andikhokelele kwimilambo empompozayo,

3nditsho ndihlaziyeke emphefumlweni.

Undithundezela kwezona ndlela zilungileyo,

ukuze lidunyiswe igama lakhe.

4Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,

andinadyudyu.

Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;

isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.

5Undamkela okondwendwe oluxabisekileyo,

uqukeze ude undihlinzeke ngesidlo, iintshaba zam zibukele.

Ngenene, iyaphuphuma indebe yam.

6Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,

umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.

IINDUMISO 24

INgangalala yoKumkani

Umhobe kaDavide.

1*LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;

ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.

2Walisekela phezu kweelwandle;

walithi zinzi phezu kwayo imilambo.

3Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo;

ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe?

4Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu,

lowo ungazinquliyo izintw' ezingento,

low' ungafungiyo exoka.

5Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,

kuye kube chosi, kube hele,

kuba nguThixo umkhululi wakhe.

6Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo,

abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.

7Vulekani, masango;

vulekani, minyango yakudala,

angene uKumkani iNgangalala!

8Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?

NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;

nguNdikhoyo onamandla onk' edabini!

9Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,

angene uKumkani iNgangalala!

10Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?

NguNdikhoyo onamandla onke;

nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

IINDUMISO 25

Ukuthandazela ukukhuselwa

Umhobe kaDavide.

1Ndiwuphakamisela kuwe, *Ndikhoyo, umphefumlo wam;

2Thixo wam, ndithembele kuwe.

Mandingakhe ndidane konke;

mazingakhe zindivuyelele konk' iintshaba zam.

3Ewe, mabangadani bonk' abathembele kuwe;

mayibe ngâbo banxaxhayo amabadane.

4Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;

ndifundise iindlela zakho.

5Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.

Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;

ndihleli ndikulindele imini yonke.

6Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,

nothando lwakho obukade unalo kwakudala.

7Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,

nokungathobeli kwam umthetho wakho;

kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,

ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.

8UNdikhoyo unobubele, ulungile.

Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.

9Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,

abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

10Zonk' iindlela zikaNdikhoyo zezothando nenyaniso

kwabo bathobela umnqophiso nemithetho yakhe.

11Ngenxa yegama lakho, Ndikhoyo, ndixolele ityala lam

nakuba lilikhulu kangaka.

12UNdikhoyo uya kumbonisa indlela umntu omoyikayo.

13Uya kuhlala enenkqubela

nabantwana bakhe ube lilifa labo umhlaba.

14Ungumhlobo kwabo bamhlonelayo uNdikhoyo,

uyabaqondisa umnqophiso wakhe.

15Ndihleli ndilindele uncedo lukaNdikhoyo,

kuba uyawusombulula umgib' ezinyaweni zam.

16Buyela kum, Ndikhoyo, undenzele inceba;

kaloku ndilikheswa, ndixhwalekile.

17Ndikhulule kwintlungu endikuyo,

undikhuphe ezimbandezelweni.

18Qwalasela ubunzima nosizi endikulo,

undixolele zonk' izono zam.

19Zigqale ubuninzi bazo iintshaba zam,

nendlela ebuhlungu ezindiphethe ngayo ngolunya.

20Bukhusele ubomi bam, undihlangule;

mandingadaniswa kaloku, kuba ndithembele ngawe.

21Mandihlale ndingasoleki ndililungisa,

kuba kaloku ithemba lam likuwe.

22Bakhulule, Thixo, abantu bakho amaSirayeli

kuzo zonke iimbandezelo zabo.

IINDUMISO 26

Umthandazo welungisa

Umhobe kaDavide.

1Ndigwebele, *Ndikhoyo;

kaloku azisoleki iindlela zam,

nethemba lam kuwe aligungqi.

2Ndivavanye, undicikide, Ndikhoyo;

yigocagoce intliziyo yam ngokunjalo neengcinga zam.

3Ndisoloko ndikhokelwa zizibele zothando lwakho;

ndihamba njalo nasenyanisweni yakho.

4Andinanto yakwenza namamenemene,

ndaye ndingenabudlelwana nabakhohlisi.

5Ndiyithiyile imbutho yabantw' abagwenxa,

ndaye ndingadlelani nabantw' abangcolileyo.

6Ndazihlamba kubo ezam izandla,

ndenjenjeya ukuy' esibingelelweni sakho, Ndikhoyo,

7ndivuma ingoma yombongo,

ndibalisa ngazo zonk' izenzo zakhw' ezingummangaliso.

8Ndiyakuthanda ukuhlala endlwini yakho, Ndikhoyo,

apho sikhoyo isidima nesithozela sakho.

9Ungandikhukhulisi kunye naboni,

ungandidibi nezigwinta,

10abantw' abazandla zipheth' ukungcola,

abasoloko begush' ukunyoba.

11Ke mna ndohlala ndingasoleki;

ndihlangule undenzel' inceba.

12Iinyawo zam zithe zinzi emhlabeni;

ndibonga uNdikhoyo ebandleni.

IINDUMISO 27

Umthandazo wokubonga

Umhobe kaDavide.

1*InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,

inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?

InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2Xa bendidlavula abantw' abakhohlakeleyo,

iintshaba zam nabandileqayo,

kokhubeka kwabona, bawe.

3Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,

andiyi kuba naluvalo konke.

Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,

ndiya kuthembela ngoNdikhoyo.

4Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,

ndaye ndifuna yona kanye:

le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,

ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

5Kaloku wondikhusela enqabeni yakhe ngexesha lobubi,

andifihle engontsini endlwini yakhe,

ndithi ngcu phezulu eliweni.

6Ngoko ke ndiya kuzikrobela iintshaba ezindingqongileyo,

ndinikele uNdikhoyo idini endlwini yakhe,

ndinemivuyo ndicula, ndivumela uNdikhoyo.

7Ndive, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;

yiba nenceba kum, undiphulaphule.

8Kweli wena uthi: “Funani ubuso bam,”

intliziyo yam yathi: “Ewe, ndiyafuna ukukubona, Ndikhoyo.”

9Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo,

ungasilahli ngomsindo isicaka sakho.

Wena mncedi wam, mus' ukundilahla;

uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam.

10Xa ndilahlwe ngubawo noma,

wondichola yena uNdikhoyo.

11Ndifundise indlela yakho, Ndikhoyo,

undikhokele endleleni elungileyo,

kuba zininzi iintshaba zam.

12Uzungandiyekeli kwabandivukelayo,

kuba andivukele amangqina obuxoki,

afutha ukundenzakalisa.

13Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyo

lo gama ndisadla amazimba.

14Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!

Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!

IINDUMISO 28

Ukucela uncedo

Umhobe kaDavide.

1Ndizibika kuwe, *Ndikhoyo, xhadi lam;

musa ukuzenza isithulu, hleze ndifane nabeyel' emhadini xa uthe cwaka.

2Live ilizwi lam xa ndizibika,

xa izandla zam ndiziphakamisela kuwe ebhotwe.

3Uzungandisingeli phantsi kunye nabantw' abagwenxa,

abantw' abenza okungcolileyo,

abathetha kamnandi nabamelwane, kanti bagush' ububi.

4Babuyekeze ngokwemisebenzi yabo,

ubohlwaye ngenxa yenkohlakalo yabo.

Bavuze ngokwezintw' abazenzayo,

bafumane loo nto ibafaneleyo.

5Ngenxa yokuba bengayinanzi imisebenzi kaNdikhoyo,

kwakunye nezintw' azenzileyo,

yena wobabhubhisa baphele kuthi tu,

bangaze babuye bavuke.

6Makabongwe uNdikhoyo,

kuba ukuvile ukutarhuzisa kwam.

7NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;

ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.

Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,

ndimbonge ngengoma.

8NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;

nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.

9Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;

lithamsanqelise ilifa lakho.

Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 22:1-28:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-