Bible Society of South Africa

45 – Izafobe zikaSolomon

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 16

1Umntu uyazenza izicwangciso,

kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.

2Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,

kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.

3Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,

yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

4UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;

ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.

5UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;

ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.

6Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;

ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.

7Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntu

neentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.

8Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo

kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

9Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,

kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

10Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;

umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.

11UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;

ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.

12Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;

kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.

13Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;

ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.

14Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;

ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.

15Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;

ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.

16Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;

kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

17Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;

ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.

18Ikratshi lilandelwa yimbubho;

ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.

19Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyo

kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.

20Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;

ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

21Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;

ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.

22Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;

kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.

23Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;

intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.

24Amazwi amyoli nqwa nobusi;

ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

25Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,

kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

26Indlala imenza umntu ukuba asebenze;

ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.

27Itshijolo lihlala liqingqa ububi;

kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.

28Umntu onobugwenxa udala ingxabano;

umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

29Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,

imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.

30Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;

ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.

31Izimvi sisithsaba sobuhandiba;

zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.

32Onomonde ulungile kunegorha;

olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

33Abantu basenokulenza *iqashiso,

kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.

IZAFOBE 17

1Akunani kwaukutya iqhekeza lesonka uxolile

kunokuba semzini ozele yinyama yamadini kodwa kugquba imbambano.

2Isicaka esinobulumko sifumana amagunya ngaphezu konyana oza namahlazo,

size naso sibe nenxaxheba elifeni njengabanye oonyana.

3Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;

igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;

kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.

4Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,

kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.

5Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;

umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.

6Abazukulwana libhongo lookhokho,

kanti ke igugu labantwana ngabazali.

7Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;

amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.

8Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;

uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.

9Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,

kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

10Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,

kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.

11Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;

ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.

12Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,

kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.

13Umntu ophindezela ubuhle ngobubi

soze yahlukane nelishwa indlu yakhe.

14Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;

ngoko ke nyawuka ingekakongameli.

15Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwa

bobabini uNdikhoyo uyabacekisa.

16Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,

kanti asinangqondo?

17Umhlobo unothando ngamaxesha onke;

ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

18Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,

emela ityala lommelwane.

19Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;

umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.

20Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;

kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.

21Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;

uyise wesityhakala soze onwabe.

22Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;

kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

23Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,

usuke ke wona umthetho ugqwetheke.

24Umntu onengqondo unonophela ubulumko;

ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.

25Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;

kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.

26Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;

kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.

27Umntu onengqondo uyawakhetha amazwi akhe,

kanti ke nomntu oqondayo uhlala epholile.

28Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;

kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.

IZAFOBE 18

1Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;

uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.

2Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –

nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

3Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath' indawo;

ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.

4Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;

kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.

5Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;

akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.

6Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;

amazwi akhe ambizela ukubethwa.

7Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;

umlomo wakhe ngumgibe wakhe.

8Amazwi entlebendwane ayanambitheka;

ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.

9Umntu owuphath' ewuyeka umsebenzi wakhe

uyintlaka nexolo notshabalalisayo.

10UNdikhoyo ngumqolomba:

bazimela kuye abalungisayo, basinde.

11Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;

kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

12Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;

ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

13Ophendula engevanga kuqala

bubudenge obo kuye nehlazo.

14Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.

Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?

15Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;

ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.

16Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni

phatha umngena-ndlwini xa uya kubo.

17Intetho yommangali etyaleni iba ngathi iyavakala,

xa engekaphicothwa ngemibuzo.

18Liphelisa ingxabano *iqashiso,

libahlule abantu abanamandla.

19Isizalwana esikhutyekisiweyo silukhuni ngaphezu kwesixeko esinqatyisiweyo;

ingxabano yabazalanayo injengemivalo yamasango enqaba.

20Umntu uzalisa iphango lakhe ngeziqhamo zokuthetha kwakhe;

uhlutha sisivuno somlomo wakhe.

21Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;

ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

22Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;

ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.

23Ihlwempu liyacenga libongoze,

ukanti ke sona isinhanha siphendula rhabaxa.

24Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;

kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.

IZAFOBE 16:1-18:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

THANDAZA phambi kokuba ufunde, ucele ukuba uThixo akuncede uqonde.

FUNDA isiqendu saloo mini, yaye okungcono kukuba usiphinda-phinde.

CINGISISA ngaloo ndawo uyifundileyo, uzibhale phantsi iingcinga zakho.

KWENZE oko uThixo akufundisileyo kwiLizwi lakhe.

THANDAZA KWAKHONA ucele ukuba uThixo akomeleze uphile ngokweLizwi lakhe.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-