Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 2

Sebenza nzima.

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 6

6Yiya embovaneni, vilandini;

qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.

7Kaloku yona ayinankosi,

ingenamlawuli nankokheli,

8kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako,

izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.

9Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo?

Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?

IZAFOBE 6:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 26

14Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzo

linjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.

15Ivila liyakha esityeni,

kodwa linqene ukufaka emlonyeni.

IZAFOBE 26:14-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUTITO 3

14Abantu bethu bona mabafunde ukuzisebenzela iintswelo zabo, bangavilaphi nje bengenamveliso.

2 KUTIMOTI 3

6Abanye babo bahamba bechwechwela imizi, bexhaphaza abafazi abangenazimilo, ababotshwe zizono zabo, beluthuzeliswa ziinkanuko. 7Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso. 8Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile. 9Abasoze bahambele ndawo, kuba ububhanxa babo buya kubonakala nakubani na kwanjengokuba kwaba njalo nakubachasi bakaMosis.

Isiyalo

10Kodwa ke wena, nyana wam, uze uhambe rhoqo ekhondweni lam, ngeemfundiso, ngokuziphatha, ngeenjongo, ngokholo, ngomonde, nangothando, nangokunyamezela 11ngexesha leentshutshiso, nasebunzimeni. Izinto ezandihlelayo eAntiyokwe, eIkoniyo, naseListra, uyazi ukuba ndazithwala, iNkosi indihlangula kuzo zonke. 12Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi. 13Kodwa zona izikhohlakali nezikrelemnqa ziya kuqhuba zisuka ebubini ziye kobungaphezulu ububi, zihamba zikhohlisa, zikhohliswa nazo.

2 KUTIMOTI 3:6-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 5

8Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.

1 KUTIMOTI 5:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IBhayibhile ifundisa ukuba abo basebenza nzima balumkile yaye bavuna iziqhamo ngeli lixa aba bonqenayo bezizidenge yaye abanankqubela. Kubalulekile ukubonelela izidingo zethu zemihla ngemihla ngokuthi senze umsebenzi wosuku ngokuthembekileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-