Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 1

Umntu Oyindoda Uhlala Enobudlelwane Nothixo

Eyona nto ibalulekileyo ebuntwini kukuhlala unobudlelwane noThixo. Umntu onjalo akoyiki ukuvuma ukuba uyamdinga uMdali wakhe. Njengomntu kaThixo, uyamthanda kakhulu uThixo osesizikithini sobomi bakhe.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda!

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 19

UYesu noZakeyi

1UYesu wangena eJeriko, egqitha khona. 2Ke kaloku kwakukho ndoda ibizwa ngokuba nguZakeyi, eyayiyintloko yabaqokeleli-rhafu, isisityebi. 3Yayifuna ukubona uYesu, kodwa ngenxa yokusithwa yindimbane ayaba nako, kuba yayimfutshane ngesithomo. 4Yabaleka ke, yaya ngaphambili, yakhwela emthini womthombe ukuze imbone, kuba wayeza kudlula apho. 5Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wathi kuyo: “Zakeyi, khawuleza uhle, kuba namhlanje ndimelwe kukuba lundwendwe lwakho.”

6Wakhawuleza ke wehla uZakeyi, waza wamkela uYesu ngovuyo. 7Bakuyibona loo nto, bakhalaza bonke, besithi: “Uye kungena endlwini yomntu *ongumoni.”

8Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.”

9Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham. 10Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.”

ULUKA 19:1-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

Imfundiso kaNdikhoyo ivul' ingqondo

97Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho;

ndiphicothana nawo imini yonke.

98Iziyalo zakho zendele kum;

zindenza ndilumke kuneentshaba zam.

99Ndibavelele nabafundisayo,

kuba ndizinonelele iimfundiso zakho.

100Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala,

kuba ndiyazithobela izithethe zakho.

101Ndiyazicezela iindlela ezinengozi,

kuba ndithobela ilizwi lakho.

102Andiphambuki kwisigwebo sakho,

njengoko wandifundisayo.

103Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka;

ewe, ziyolile kunobusi.

104Imfundiso yakho indivul' ingqondo,

ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa.

Ilizwi likaNdikhoyo liyakhanyisa

105Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;

liyandikhanyisela eluhambeni.

106Ndizibophelele ngesifungo;

ndiya kusithobela isigwebo sakho.

107*Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo;

ndihlaziye ngokwedinga lakho.

108Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam,

undazise izigqibo zakho.

109Ubomi bam buhlala busesichengeni,

kodwa andishenxi kumyalelo wakho.

110Abakhohlakeleyo bayandithiyela,

kodwa andiphambuki kwimimiselo yakho.

111Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;

ewe, iluyolo entliziyweni.

112Ndizimisel' ukuyenza imithetho yakho;

ewe, ndoyithobela kude kube sekupheleni.

Iziyalo zikaNdikhoyo ziyakhusela

113Ndibathiyile abantu abambaxa,

kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho.

IINDUMISO 119:97-113XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UDANIYELI 6

10Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.

11Ke kaloku laa madoda ahlangana ambhaqa uDaniyeli ethandaza etarhuzisa kuThixo wakhe. 12Ngoko ke aya kukumkani, afika athetha naye malunga nomthetho awenzileyo, athi: “Kanene, mhlekazi, ubungapapashanga umthetho na othi kwiintsuku ezimashumi mathathu makungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kwakho, usithi othe wayenza loo nto uya kuphoswa emngxunyeni weengonyama?”

Ukumkani ke waphendula wathi: “Ewe, kunjalo, ndikwenzile oko, yaye lowo ngumthetho ongenakutshitshiswa wamaMedi namaPeshiya.”

UDANIYELI 6:10-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 1

Ukuzalwa kukaYesu Krestu

18Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima. 19Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese. 20Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele. 21Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”

UMATEWU 1:18-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 1

24Akuvuka ebuthongweni uJosefu, wênza njengoko isithunywa seNkosi besitshilo kuye, wamthatha uMariya, waba ngumfazi wakhe; 25kodwa akahlangananga naye de wamzala unyana wakhe. UJosefu ke wamthiya igama elinguYesu.

UMATEWU 1:24-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 5

24Wayesoloko enobudlelane noThixo ngalo lonke elo xesha. Kamva ke wathi shwaka akaziwa apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.

EYEZIQALO 5:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 11

5Ngokholo uInoki wathwetyulwa engakhange afe. *IziBhalo zithi: “Akazange aziwe bani apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.” Futhi ziyangqina iziBhalo ukuba uInoki wamkholisa uThixo ngaphambi kokuba athathwe.

KUMAHEBHERE 11:5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINKOKHELI 6

12Isithunywa eso ke sabonakala kuye sathi: “UNdikhoyo unawe, gorhandini lomeleleyo!”

13UGidiyon wathi kuso: “Ngxe, Mhlekazi! Ukuba uNdikhoyo unathi, kungani ukuba sihlelwe zizinto ezinje? Zaya phi eza zigigaba zezinto ezimangalisayo sasihlala sibaliselwa ngazo ngoobawo, kusithiwa uNdikhoyo wayezenza – ezo wazenzayo nasekubakhululeni kwakhe eJiputa? Kungokunje uNdikhoyo usilahlile; usinikele ezandleni zamaMidiyan.”

IINKOKHELI 6:12-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHABHAKUKI 3

17Noba ungade ungadubuli umkhiwane,

umdiliya ungabi nazo neziqhamo,

nokuba awungevelisi nto umnquma,

namasimi ngokwawo angabi nasivuno,

zingade zingabikho iigusha esibayeni,

nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,

18ewe, khona kungade kube njalo,

kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,

ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.

19Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;

uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;

ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

Kumbhexeshi-kwayala; ngezikhalisi ezineentambo.

UHABHAKUKI 3:17-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 20

UYesu noTomas

24UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo. 25Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!”

Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.”

26NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.” 27Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!”

28Waphendula uTomas wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!”

29Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”

UYOHANE 20:24-29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 26

UPetros ukhanyela uYesu

69UPetros ke wayehleli ngaphandle eyadini. Seza kuye esinye sezicakazana, sathi: “Nawe ubunaye uYesu waseGalili.”

70Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.”

71Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.”

72Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.”

73Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.”

74Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!”

Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku. 75Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.

UMATEWU 26:69-75XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 11

UDavide noBhashebha

1Kwathi ngentlako-hlaza ngexesha iikumkani zazidla ngokulwa iimfazwe ngalo, uDavide wandulula uJowabhi kunye namaphakathi nawo wonke umkhosi wakwaSirayeli. Bawachitha-chitha ama-Amon, basingqinga nesixeko sawo iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.

2Ngamhla uthile, ukujika kwelanga, kwathi uDavide esahamba-hamba kumgangatho ophezu kophahla lwebhotwe, esandula ukuvuka emandlalweni wakhe, wabona umfazi ehlamba umzimba. Yaye iyinzwakazi kanobom leyo. 3Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”

4UDavide ke wathumela izigidimi ukuba zize naye. Waziswa ke kuye, waza yena walala naye. Oku kwenzeka xa loo mfazi wayesandula ukuzihlambulula emva kokuba sexesheni. Emva koko uBhashebha wabuyela emzini wakhe. 5Wamitha ke loo mfazi, waza wathumela kuDavide esithi: “Ndikhulelwe.”

2 KASAMWELI 11:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 51

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide xa wayejongene noNatan emveni kwenyala lakhe noBhashebha.

1Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!

Ngenxa yezibele zothando lwakho,

nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!

2Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;

ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

3Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;

isono sam sindithukuthezele.

4Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,

ndenze into ekuhlazisayo.

Ngoko ke undigwebe ngakhona;

isigwebo sakho sifanelekile.

5Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;

ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.

6Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;

ndincede undiphe ingqiqo enzulu.

7Ndihlambe undicokise ndicoceke;

ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,

ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.

8Mandiphuphume luvuyo nemincili;

nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.

9Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,

ubususe bonke ubugwenxa bam.

10Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;

wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

11Musa ukundigxotha, Nkosi yam;

ungamthathi uMoya wakho kum.

12Ndibuyisele uvuyo losindiso lwakho,

undixhase ngoMoya wakho, khon' ukuze ndikuthobele.

13Ke, bona aboni ndiya kubafundisa imiyalelo yakho,

baguquke, beze kuwe.

14Awu, Thixo, ndihlangule ekufeni!

Nguwe, Thixo, ondisindisayo.

Ke mna ndiya kudanduluka,

ndicule ngokulunga kwakho.

15Vula imilebe yam, Nkosi,

khon' ukuze ndikubhengeze ngawo umlomo wam.

16Kaloku wena akunanze mibingelelo.

Ndingafanelana ndisenza amadini atshiswayo;

akangekwanelisi wena.

17Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.

Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.

18Khawuncede uyivelele iZiyon, uyilungiselele;

khawuphinde uzakhe iindonga zeJerusalem.

19Uya kwandula ke waneliswe yimibingelelo efanelekileyo;

amadini atshiswayo, nditsho natshiswa ephelele.

Kobingwa neenkunzi eqongeni lakho lamadini.

IINDUMISO 51:1-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-