Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 2

Uba Nobudlelwane Nabanye Abantu

Akahlali yedwa. Uba nobudlelwane nabanye abantu. Ubuhlobo ngabunye anabo bubudlelwane obubodwa yaye unezinto azinyanzelisa ukuba azenze.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda!

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 2

18Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”

19UNdikhoyo uThixo wayethathe umhlaba wabumba zonke iinyamakazi neentaka, wazisa kuloo ndoda ukuba izithiye amagama. Zawafumana njalo ke amagama azo ezo zinto. 20Yazithiya amagama zonke iintaka neenyamakazi loo ndoda, kodwa akubangakho nanye kuzo eyafanela ukuba ngumlingane wayo.

21Usuke uNdikhoyo uThixo wayihlisela obunzulu bona ubuthongo obu indoda leyo. Ithe isalele njalo wakhupha ubambo kuyo, wabuya wayivala loo ndawo. 22UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo. 23Ithe ke indoda:

“Nanku ke oyena-yena!

Lithambo lamathambo am,

nenyama yeenyama zam.

Kuya kuthiwa ngumfazi,

kuba uthathwe kumfo.”

24Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.

EYEZIQALO 2:18-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 24

67UIsake umngenise uRabheka kulaa ntente yayiyekanina uSara, wamenza umkakhe. UIsake wayemthanda kakhulu uRabheka, kangangokuba savaleka nesikroba esabangwa kukusweleka kukanina uSara.

EYEZIQALO 24:67XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 29

20UYakobi waphangela isixhenxe sonke seminyaka, esebenzela ukufumana uRakeli. Lonke elo xesha laba ngathi ziintsuku nje ezimbalwa kuye, kuba wayemthanda uRakeli.

EYEZIQALO 29:20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 2

Umyeni

2Njengenyibiba phakathi kwameva

sinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.

UNCUTHU LWENGOMA 2:2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 1

Umyeni

15Waza wamhle, sithandwa sam!

Ewe, uyinzwakazi ke khona!

Amehlo – hotyazana lakwabani!

UNCUTHU LWENGOMA 1:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 7

Umyeni

1Azintle ngako ezo nyawo zisezimbadadeni,

nditsho wena ke, nkosazanandini.

Naloo milenze ngathi ziintsimbi zokuhombisa,

ngathi yenziwe zizandla zengcibi.

2Inkab' engqukuva ngathi yingqayi

ehlal' inewayini exutyiweyo.

Isisu ngathi yingqumba yengqolowa,

yona ijikelezwe ziinyibiba.

3Amabele ngathi ngamawele,

nditsho amatakane enxala.

4Intamo injengenqaba yamabamb' endlovu.

Amehlo anjengamachibi aseHeshbhon,

lawo angasesangweni leso sixekokazi.

Impumlo ngathi yinqaba yaseLebhanon,

leyo ikhangelene neDamasko.

5Intloko ithe cwa, ngathi yintaba iKarmele.

Iinwele ngathi lilaphu elimfusa –

buhle bazo buthimba nokumkani.

UNCUTHU LWENGOMA 7:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 7

6Yeka loo mfaneleko, awumhle ngako!

Uthando lwakho luyahlasimlisa.

7Yintw' eluthi ngathi lisundu,

emabele ngathi zizihloko zeediliya.

8Ndosuka nditsiwule kwelo sundu,

ndiqhawule kwezo ziqhamo.

Amabele ngathi zizihloko zediliya;

umphefumlo wakho livumba leeapile;

UNCUTHU LWENGOMA 7:6-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 7

2kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda. 3Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe. 4Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo. 5Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.

1 KWABASEKORINTE 7:2-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 5

25Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo.

KWABASE-EFESE 5:25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 5

28Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda. 29(Akakho umntu ongazithandiyo, endaweni yaloo nto uyazondla azixhase, kanye njengokuba noKrestu elilungiselela ibandla. 30Kaloku singamalungu omzimba wakhe.) 31Kunjengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.” 32La mazwi atyhila inyaniso enzulu; ke mna ndithi isingisele kuKrestu nebandla. 33Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.

KWABASE-EFESE 5:28-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 1

21UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso. 22UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”

1 KASAMWELI 1:21-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6

4“Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! 5Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke. 6Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. 7Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo. 8Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo. 9Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6:4-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOBI 1

4Ke kaloku oonyana bakaYobi babedla ngokuqokelelana benze umbhiyozo endlwini yalowo yayiyimini yakhe. Babemema noodade babo abathathu ukuza kutya basele kunye nabo. 5Wakuba lo mbhiyozo ujikeleze kubo bonke uYobi wayedla ngokubabiza abantwana bakhe ukuze abahlambulule. Wayevuka kusasa kakhulu, abenzele amadini atshiswayo ngabanye ngabanye. Kaloku uYobi wayesithi: “Mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba abantwana bam bonile bamtshabhisa uThixo ezintliziyweni zabo.” Wayesenjenjalo ke uYobi ngayo yonke imihla yakhe.

UISAYA 38

19Kanti ke abaphilayo ngabo abakudumisayo,

njengokuba nam ndisenjenjalo namhlanje;

ooyise bona bagqithisela kubantwana,

bebaxelela ngokunyaniseka kwakho.

UISAYA 38:19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 6

4Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

KWABASE-EFESE 6:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 1

Icebiso kubafana

8Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo,

ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

9Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho,

oku kwentsimbi ehombisa intloko,

nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko.

IZAFOBE 1:8-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

21Bazali, nina musani ukubacaphukisa abantwana bade bakruquke.

KWABASEKOLOSE 3:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 13

30Zafika kuDavide besesendleleni egodukayo ezo ndaba zithi: “UAbhasalom ubabulele bonke oonyana bakakumkani, akwasala noba abe mnye.” 31Ukumkani wathi khwasu kwangoko, wakrazula izambatho zakhe, waqungquluza emhlabeni. Amaphakathi akhe onke nawo azikrazula ezawo izambatho emi ngakuye.

32Kwesi sithuba kuvele uYonadabhi unyana kaShama umntakwabo-Davide, wathi: “Umhlekazi makangeva kusithiwa babulewe bonke oonyana bakhe; kufe uAmnon yedwa. Loo nto yenzeka kuba uAbhasalom wagqiba kwangalaa mhla uAmnon wadlwengula udade wabo ukuba uya kuze ambulale. 33Ngoko ke umhlekazi makangazihluphi ngokucinga okokuba oonyana bakhe bafe bonke. Hayi, nguAmnon yedwa lo ufileyo.”

34Ke yena uAbhasalom wabaleka wabhaca.

Ke umlindi wabona ihlokondiba labantu lisihla intaba, lihamba ngendlela evela eHoronayim.

2 KASAMWELI 13:30-34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 14

UJowabhi uphuthuma uAbhasalom

1Kwesi sithuba uJowabhi unyana kaZeruya waphawula ukuba ukumkani uDavide wayeselenxubile kukukhumbula uAbhasalom.

2 KASAMWELI 14:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 18

5Ukumkani wabayalela ooJowabhi noAbhishayi kunye noItayi, wathi: “Nize nindincede niyiphathe kakuhle laa ntwana inguAbhasalom.” Loo myalelo kaDavide awayewubhekisa kwiinjengele weviwa ngawo onke amadoda omkhosi.

2 KASAMWELI 18:5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 2

Ukuqaqadeka koonyana bakaEli

22UEli ngeli xesha wayeselaluphele mpela. Wayesoloko esiva ngemikhwa emibi yoonyana bakhe kumaSirayeli. Wayiva nento yokuba babelala abafazi ababekhonza ngasemasangweni enkundla *yesibingelelo *sikaNdikhoyo. 23Wabakhalimela wathi: “Yeyantoni le ntlondi niyenzayo ebaliswa ngabantu bonke! 24Hayi, bantwana bam, imbi le nto endiyiva ithethwa ngani ngabantu bakaNdikhoyo! 25Kaloku umntu one omnye umntu angathethelelwa phambi koThixo; angalanyulelwa kanjani ke xa one uNdikhoyo ngokwakhe?”

Ke bona oonyana bakhe abazange bamhoye, naye uNdikhoyo wayeselezimisele ukubatshabalalisa.

1 KASAMWELI 2:22-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 18

8UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo. 9UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa. 10Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe.

EYEMFUDUKO 18:8-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 18

19Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye.

EYEMFUDUKO 18:19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 4

UMosis uphindela eJiputa

18Ke kaloku uMosis wagoduka waya kwaJetro uyise womkakhe, wafika wathi: “Ndikhulule ndiye eJiputa kumawethu, khon' ukuze ndive impilo yawo.”

Wathi uJetro: “Hamba. Ndlela-ntle!”

EYEMFUDUKO 4:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 18

5OoJetro ke badibana noMosis entlango, emise ngasentabeni kaThixo. 6Lafika ke ilizwi kuMosis, livela kuJetro, esithi: “Ndiyeza nomkakho noonyana bakho bobabini.” 7Waphuma ke uMosis, wabahlangabeza. Akufika kuyise womkakhe wakhahlela wamanga. Babuzana impilo ke, baya kungena endlwini kaMosis.

8UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo. 9UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa. 10Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe. 11Ngoku nam ndiyangqina ukuba ehlabathini akakho olingana noNdikhoyo, kuba yena amaSirayeli uwahlangule kolungaka lona ulunya lwamaJiputa.”

EYEMFUDUKO 18:5-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 17

17Umhlobo unothando ngamaxesha onke;

ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

IZAFOBE 17:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOBI 42

UNdikhoyo: UYobi uya kunithandazela

7Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi. 8Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”

Isiphetho

9Ngenene ke uElifazi waseTeman noBhildadi waseShuwa noZofare waseNama benza ngokomlomo *kaNdikhoyo, waza ke yena wawamkela umthandazo kaYobi.

10Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda.

UYOBI 42:7-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 27

17Iintsimbi ziyalolana;

ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

IZAFOBE 27:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 8

33Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? 34Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona? 35Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

KWABASEROMA 8:33-35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 8

38Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, 39nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 8:38-39XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-