Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 3

Uba Nobudlelwane Nesiqu Sakhe

Yonke imihla, uyazi ukuba umzimba wakhe nomoya wakhe udinga ntoni na. Uyayiqonda into yokuba uThixo uhoye ubuyena bakhe bubonke.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda!

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 1

27Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

EYEZIQALO 1:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

7Nani ke ngokuyâ naningekaguquki naniziphethe ngolu hlobo.

8Kodwa ke ngoku zilumleni kuzo zonke ezi zinto: ingqumbo, iphuku, ububi, ukuthuka, nokuthetha krwada. 9Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. 10Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.

KWABASEKOLOSE 3:7-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

18Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe. 19Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; 20ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

1 KWABASEKORINTE 6:18-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 43

UThixo uthembisa ukukhulula abantu bakhe

1Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi:

“Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele;

ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.

2Noba sewucand' emanzini,

mna ndiya kuba nawe;

noba sowuwela imilambo,

ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;

nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;

amadangatye akanakukutshisa wena.

3Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,

uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.

Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;

iKushe neSebha zothath' indawo yakho.

UISAYA 43:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 1

Ukubizwa kukaJeremiya

4Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

5“Ndakwazi ndingekakubumbi esizalweni sonyoko;

ndazahlulela wena ungekazalwa,

ndakwalatha ukuba ube ngumshumayeli kwiintlanga.”

6Mna ndiphendule ngelithi: “Awu, Nkosi yam Ndikhoyo, andikwazi ukuthetha; ndisengumntwana.”

7Uthe yena kum uNdikhoyo: “Mus' ukuthi usengumntwana! Yiya kubo bonke abantu endikuthuma kubo, ubaxelele konke endikuyalela kona. 8Uze ungaboyiki, kuba mna ndiza kuba nawe, ndikuhlangule. Kutsho mna Ndikhoyo.”

UJEREMIYA 1:4-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 9

24Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa. 25Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo. 26Yiloo nto endenza ndithi ngqo, ndisukele ukuya kufika entanjeni. Ikwayiloo nto endenza ndifane nembethi-manqindi engachithi xesha ngokubetha umoya. 27Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.

1 KWABASEKORINTE 9:24-27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-