Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 4

Uneemvakalelo

Ukuba yindoda akuthethi ukuba akanazimvakalelo. Iimvakalelo zakhe ziyinxalenye engenakwahlukaniswa nobudoda bakhe. Izinto ezimnandi ebomini uyazonwabela kakhulu. Ngamanye amaxesha, uba neemvakalelo zodandatheko ezifana nokuba buhlungu, ukudangala okanye azive ejongelwe phantsi.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda

Itekisi yeBhayibhile

UNEHEMIYA 8

9Ke umlawuli uNehemiya, ekunye nombingeleli ongumchazi-mthetho uEzra, nabaLevi ababefundisa abantu, bathi kubo bonke: “Le yimini eyodwa kuNdikhoyo uThixo wenu. Ngoko ke musani ukulila nenze isijwili.” Kaloku bonke abantu babentywizisa ngoku bawaphulaphuleyo amazwi omthetho.

UNEHEMIYA 8:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 1

68“Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,

kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo;

69kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo.

70Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mnene

oweza *ngabashumayeli bayo abangcwele,

71ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu,

nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo;

72isithi yobenzela inceba oobawo bethu,

iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele,

73isifungo eyasenzela uAbraham ubawo wethu,

74sokusihlangula ezintshabeni zethu, siyikhonze singenaxhala,

75ngobungcwele nangobulungisa phambi kwayo,

yonke imihla yobomi bethu.

ULUKA 1:68-75XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 26

74Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!”

Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku. 75Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.

UMATEWU 26:74-75XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 9

6Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!”

Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.”

7Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.”

8Ubuye wakhahlela uMefibhoshete, wathi: “Mhlekazi, uyintoni na umkhonzi wakho ukuba uthathe ingqalelo ngenja efileyo enjengam nje?”

2 KASAMWELI 9:6-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 139

13Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;

nditsho mna kanye lo!

Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.

14Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,

ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.

Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.

Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

15Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;

okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.

Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.

16Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;

imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,

ndingekayiqali nokuyiqala mna.

17Hayi bo, zintsonkothile kambe

iingcamango zakho, Thixo wam!

Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!

IINDUMISO 139:13-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 18

32Ukumkani wathi kumKushe: “Yena umfana uAbhasalom usindile phofu?”

UmKushe wathi: “Mhlekazi, bendinga into emhleleyo unyana wakho ibinga ingenzeka kuzo zonke iintshaba zakho, nakwabo bakuvukelayo.”

33Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”

2 KASAMWELI 19

UJowabhi uthethisa uDavide

1UJowabhi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, ukumkani uzilile, elilela uAbhasalom.” 2Ngaloo mini uvuyo loloyiso lwajika lwaba lusizi kuwo wonke umkhosi kaDavide, kuba eva kusithiwa: “Ukumkani uzilile ngenxa yonyana wakhe.” 3Loo mkhosi wabuyela edolophini unyoshoza oku komkhosi obaleke edabini. 4Wazigquma ubuso ukumkani, watsho esikrakra isikhalo, esithi: “Yini umntwana wam uAbhasalom! Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”

2 KASAMWELI 18:32-19:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 38

Ukugula kukaHezekiya

1Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”

2Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo, wathi: 3“Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.

4UNdikhoyo wayalela uIsaya ngelithi: 5“Xelela uHezekiya uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. 6Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela.’ ”

UISAYA 38:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 30

3Ukufika kwabo ooDavide bafika loo dolophu iluthuthu, abafazi noonyana kunye neentombi zabo kumkiwe nazo. 4Hayi ke, abhomboloza loo madoda ada aphelelwa ngamandla. 5Kwakuthathwe nabafazi ababini bakaDavide, uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

6Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.

1 KASAMWELI 30:3-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-