Bible Society of South Africa

To The Word – Day 154

Psalms 36–39, Proverbs 15–16

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 36

Inkohlakalo yomntu nokulunga kukaThixo

Umhobe kaDavide isicaka *sikaNdikhoyo; kumbhexeshi-kwayara.

1Isono esendele entliziyweni siyamngxolela umnt' ogwenxa,

asuke angamoyiki uThixo.

2Simthi lwale ngokuzikhohlisa

angaliboni isikizi lobubi baso.

3Intetho yakhe ayilunganga; izele yinkohliso.

Selephelelwe nakukwazi ukwenza okulungileyo.

4Xa esemandlalweni ucinga amacebo aphuthileyo,

azimisele ukuhamba ngendlela egwenxa,

angayityesheli inkohlakalo.

5Kodwa zona izibele zakho, Ndikhoyo, ziye kuthi gaa ngamazulu,

nentembeko yakho yaya kuthi ngqu ngamafu.

6Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;

zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.

Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.

7Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!

Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.

8Baxhamla intlutha yendlu yakho;

ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.

9Wena ulithende lobomi;

ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.

10Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,

uwabonelele amalungisa.

11Mandinganyhashwa ngeenyawo ngabanolunya,

ndingantlithwa zizandla zabagwenxa.

12Bawile daxa abantw' abagwenxa;

bakhahlelwe phantsi, abavuka.

IINDUMISO 36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 37

Isiphelo samatshijolo nesamalungisa

Umhobe kaDavide.

1Mus' ukuziduba ngamatshijolo wena,

ungabamoneli abenzi bobubi.

2Kwakamsinya baya kubuna njengengca,

bavuthuluke njengamagqabi.

3Thembela *kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;

uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

4Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;

wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

5Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;

yena ke wokwenzelelela.

6Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,

kucace mhlophe ukulunga kwakho.

7Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,

ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

8Zilumle emsindweni, uyilahle ingqumbo,

ungazidub' umphefumlo, hleze unxunguphale.

9Kaloku othi shwaka amatshijolo,

kodwa boba zizima-mhlaba abathembele kuNdikhoyo.

10Ngumzuzwana nje athi shwak' amatshijolo;

uthi uwakhangela ungawaboni.

11Kodwa bona abathobekileyo bowuma umhlaba,

baxhamle intlutha noxolo.

12Amatshijolo awenzela amayelenqe amalungisa,

awajamele ngentiyokazi enkulu.

13Kodwa uNdikhoyo usuka acubhuke yintsini,

kuba uyazi yena ukuba imihla yamatshijolo selisongekile.

14Arhola amakrele, ajolise iintolo zawo amatshijolo,

efun' ukuwisa iintsizana namahlwempu,

abulale amalungisa.

15Otyakatywa kwangelawo ikrele,

zaphulwe nezo ntolo zawo.

16Obo buncinanana linabo ilungisa,

bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,

17kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,

awenzelelele wona amalungisa.

18UNdikhoyo uyawabonelela amalungisa,

awenze awume umhlaba ngalo lonk' ixesha.

19Akayi kuntshubaza ngamaxesh' endlala;

ohlutha naxa ikati selilel' eziko.

20Ke zona iintshaba zikaNdikhoyo zotshabalala,

zibhange zixel' ingca etshayo edlelweni.

21Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,

ke lona ilungisa lipha ngesisa.

22Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,

bagxothwe abo abaqalekisayo.

23NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;

nguye omenza akholeke kuye.

24Nokuba uwile, uyavuka,

kuba nguNdikhoyo omthundezayo.

25Ndiyaluphala ngoku,

ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,

nabantwana balo belamba.

26Lisoloko libolekisa, lisipha ngesisa,

nenzala yalo iyathamsanqelwa.

27Yahlukana nobubi, wenze okulungileyo;

uya kwalulelwa imihla yakho ebomini.

28Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;

akayi kubafulathela abantu bakhe.

Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,

kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

29Amalungisa aya kuba zizima-mhlaba,

ahlale ngoxolo kude kube nini.

30Ilungisa lithetha amazwi obulumko;

into eliyithethayo isoloko

ilungile.

31Lisoloko liwubambile umthetho kaThixo;

alisoze licebuke kuwo nanini na.

32Itshijolo lisoloko lizungula ukubulala amalungisa,

33kodwa uNdikhoyo akayi kuliyekela kumatshijolo ilungisa,

engayi kuliyekela lohlwaywe enkundleni yamatyala.

34Thembela kuNdikhoyo, uthobele imithetho yakhe;

wokunika umhlaba uwume,

uwabone amatshijolo etshabalala.

35Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,

lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.

36Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;

ndalikhangela, andalifumana konke.

37Kugqale ukulunga nobumsulwa,

kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;

38kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,

nenzala yabo iphanziswe kuphele.

39NguNdikhoyo umhlanguli wamalungisa;

ulikhaka lawo ngexesha lobunzima.

40Nguye owancedayo, awahlangule,

awasindise kumatshijolo,

kuba akholose ngaye amalungisa.

IINDUMISO 37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 38

Umthandazo womntu osebunzimeni

Umhobe kaDavide; ngomnikelo wesikhumbuzo.

1*Ndikhoyo, ungandingxolisi ngomsindo,

ungandohlwayi ngengqumbo.

2Zindityakatyile iintolo zakho,

nesandla sakho sindicinezele kabuhlungu.

3Nditsho ndayingxwelerha ngenxa yomsindo wakho;

ndiyafa ziintlungu ngenxa yezono zam.

4Ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni;

zindisinda oku komthwal' onzima.

5Zitsho zabhidla izilonda zam,

kuthi phuu ngenxa yobudenge bam.

6Ndibandezelekile, ndiphelile,

kangangokude ndizile imini yonke.

7Ndiyapena-pena ziintlungu;

andinampilo konke.

8Ndoyisakele kwaphela;

ndiyagcuma ziintlungu nalixhala.

9Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,

uyaziva zonke iincwina zam.

10Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,

namehlo am selebona kaluzizi.

11Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,

nkqu nentsapho yam le icezela phaya.

12Bayandithiyela abafuna ukundibulala;

bayandoyikisa abazungula ukundenzakalisa;

bayandibhunga imini yonke.

13Kodwa mna ndaba njengesithulu, andeva;

ndanjengesimumu, andawuvula tu umlomo.

14Ewe, ndinjengomntu ongaphenduliyo,

kuba engeva.

15Ndikhoyo, ndithembele ngawe;

nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.

16Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.

17Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.

18Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.

19Banamandla abo baziintshaba zam,

nâbo bandithiya kungekho sizathu.

20Ubuhle bandibuyisela ngobubi,

naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.

21Zungandifulatheli, Ndikhoyo;

Thixo wam, mus' ukuchasela kum.

22Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!

IINDUMISO 38XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 39

Isililo somntu onomva-ndedwa

Umhobe kaDavide; kuJedutun umbhexeshi-kwayara.

1Ndathi: “Ndiya kuzilumkela iindlela zam,

ndingoni ngokuthetha,

ndilubambe ulwimi lwam xa ndiphakathi kwamatshijolo.”

2Ndathi cwaka, andathetha nto.

Ukuthula kwam akuncedanga nto,

kodwa noko yona inkxwaleko yathath' unyawo.

3Ndavalwa luvalo ndisacamanga,

ndavukwa ngumva-ndedwa,

ndavakala ndibuza ndisithi:

4“*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bam

nenani lemihla yokuphila kwam.

Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.

5Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;

àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;

umntu ufana nomphunga nje kuwe.

6Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;

ubila esoma nje ngenxa yelize;

uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.

7“Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?

Elam ithemba likuwe.

8Ndikhulule kuzo zonke izono zam,

ndingade ndihlekwe nazizidenge.

9Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,

kuba nguwe ondifake kule meko.

10Mus' ukuba sandohlwaya;

mus' ukundinkula ndide ndenzakale.

11Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.

Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.

Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.

12“Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;

ndive, ndakuzibika kuwe.

Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,

kuba ndiselugcinweni lwakho,

nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

13Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,

ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”

IINDUMISO 39XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 15

1Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,

kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.

2Izilumko ziphokoza ulwazi xa zithethayo;

kanti ke zona izityhakala zithulula ubudenge.

3UNdikhoyo uyazibona zonke izinto ezenzekayo;

ubakhangele abenza okubi nokulungileyo.

4Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;

ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.

5Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;

kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

6Ubutyebi buyagcinakala emzini womntu olungileyo;

kanti ke yona ingeniso yesikhohlakali isiphathela inkathazo.

7Umlomo wesilumko usasaza ulwazi;

phofu ke akunjalo kwintliziyo yesityhakala.

8Amadini omntu okhohlakeleyo alisikizi kuNdikhoyo,

kambe ke uyayamkela imithandazo yabantu abathe ngqo.

9UNdikhoyo uyazicaphukela iindlela zabantu abakhohlakeleyo,

kodwa uyabathanda abo bathene mbende nezinto ezifanelekileyo.

10Umntu ophambukayo endleleni wohlwaywa qatha;

ke yena okuthiyileyo ukululekwa uya kufa.

11Ingcwaba nelabafileyo azifihlakalanga kuNdikhoyo;

zibeka phi ke ukungafihlakali iingcamango zomntu kuye?

12Abagxeki abafuni kucetyiswa,

bengafuni nokuya nakwizilumko.

13Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,

kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.

14Umntu onengqondo usoloko elangazelela ukufunda;

kanti ke sona isidovela saneliswa kukumatha.

15Yonke imihla yomntu olusizana ngamabona-ndenzile,

kambe ke kumntu ochwayithileyo ubomi busoloko bufana netheko.

16Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo

kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

17Xa ukho umoya wobudlelwana akunani nokuba utya imifuno,

ndaweni yokutya inyama yenkomo etyetyisiweyo ikhatshwa yintiyo.

18Umntu onephuku uphembelela uqhushululu;

kanti ke yena onomonde uyayiphelisa ingxabano.

19Indlela yevila soloko ibekelwe ameva;

phofu ke yona eyabathe ngqo iphangalele.

20Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;

ke yena umntu osisiyatha uyamdela unina.

21Umntu ongabhadlanga engqondweni uvuyiswa bubi,

ke yena onengqondo ihambo yakhe ithe ngqo.

22Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,

kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.

23Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!

Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.

24Indlela yomntu onengqondo isinga phezulu ebomini;

yena uyayiphepha indlela ehlayo eya kwelabafileyo.

25UNdikhoyo uyayidiliza imizi yabantu abanekratshi;

kanti ke uyawukhusela umhlaba womhlolokazi.

26UNdikhoyo uyazicaphukela iingcinga zabantu abagwenxa;

kanti ezabanyulu zamkelekile kuye.

27Umntu onyolukileyo uyihlisela inkathazo indlu yakhe;

ke yena okuthiyileyo ukunyotywa uya kudla ubomi.

28Umntu olilungisa uyacinga phambi kokuba aphendule;

ke wona umlomo womntu okhohlakeleyo uphuphuma ububi.

29UNdikhoyo ukude kubantu abakhohlakeleyo;

phofu ke uyayiphulaphula imithandazo yamalungisa.

30Imbonakalo echwayitileyo izisa ulonwabo entliziyweni;

ibe ke zona iindaba ezimnandi ziyahlaziya emathanjeni.

31Umntu ophulaphula ukucetyiswa uya kudla ubomi,

azive esekhaya phakathi kwezilumko.

32Umntu ongayifuniyo ingqeqesho uyazilimaza yena ngokwakhe:

kanti ke yena ovayo akululekwa uzuza ukuqonda.

33Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;

indlela eya ewongeni yintobeko.

IZAFOBE 16

1Umntu uyazenza izicwangciso,

kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.

2Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,

kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.

3Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,

yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

4UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;

ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.

5UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;

ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.

6Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;

ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.

7Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntu

neentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.

8Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo

kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

9Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,

kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

10Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;

umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.

11UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;

ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.

12Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;

kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.

13Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;

ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.

14Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;

ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.

15Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;

ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.

16Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;

kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

17Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;

ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.

18Ikratshi lilandelwa yimbubho;

ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.

19Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyo

kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.

20Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;

ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

21Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;

ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.

22Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;

kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.

23Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;

intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.

24Amazwi amyoli nqwa nobusi;

ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

25Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,

kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

26Indlala imenza umntu ukuba asebenze;

ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.

27Itshijolo lihlala liqingqa ububi;

kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.

28Umntu onobugwenxa udala ingxabano;

umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

29Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,

imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.

30Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;

ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.

31Izimvi sisithsaba sobuhandiba;

zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.

32Onomonde ulungile kunegorha;

olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

33Abantu basenokulenza *iqashiso,

kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-