Bible Society of South Africa

To The Word – Day 99

Isaiah 33–35, Matthew 5–7

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 33

Ukucela uncedo

1Kunyembelekile kuwe, mtshabalalisi;

wena ungatshatyalaliswanga!

Yeha ke, wena tshijolondini;

ke wena siqu awuqhathwa mntu!

Uya kuze upheze ukutshabalalisa,

ibe nguwe otshatyalaliswayo.

Boze bupheze ubuqhophololo bakho,

nawe ke ube lixhoba lokuqhathwa.

2*Ndikhoyo, khawube nenceba kuthi;

asisakulangazeleli ngako!

Ntsasa zonke yiba ngamandla ethu;

sihlangule sakungena enkathazweni.

3Lakuzongoma izwi lakho batsho basabe;

wakuphakama ziyasarhaka izizwe.

4Izizwe zojika zibe ngamaxhoba,

zixhatshazwe ngathi zingenelwe ziinkumbi.

5Mkhulu kambe uNdikhoyo,

yena umi kweliphezulu!

IJerusalem woyizalisa ngolungelelwano nobulungisa.

6Maxa onke uya kuba sisiseko esingahexiyo,

isisele sosindiso, ubulumko, nolwazi.

Umthombo wale ndyebo kukuhlonela uNdikhoyo.

7Nango amagorha abo ezibika;

oonozaku-zaku abaphath' uxolo nâbo besitsho ngesikrakra.

8Ngoku koohola sekuthe bhe;

abahambi abavakali ndawo konke.

Izivumelwano ziyakrotyozwa;

ke izixeko zideliwe,

akusekho mntu uhlonitshwayo.

9Umhlaba ulele, ngamafusi nje,

amahlathi aseLebhanon atshazile;

ngoku iSharon ifana nentili yasentlango,

imithi ibunile eBhashan naseKarmele.

Iintshaba zikaNdikhoyo ziyalumkiswa

10*UNdikhoyo uthi:

“Ngoku ke ndosuka ndiphakame;

niza kububona ubungangamsha bam;

ewe kaloku, ndiza kuzimaseka.

11Nikhawul' umququ, nizal' inkintshi-nkintshi;

kaloku nizitshabalalisa kwangokwenu.

12Izizwe ziya kutshiswa okwamatye ekalika;

ziya kufakwa umlilo okwezihlahla zameva.

13Nina bantu bakude, phulaphulani;

ewe, yiveni into endiyenzileyo;

nina bakufuphi, wavumeni amandla am.”

14Aboni baseZiyon bayagubha liphaphu,

abangakhathalele Thixo bayangcangcazela.

“Ngubani ke kuthi ongamelana nomlilo olenyayo?

Ngubani onganyamezela umlilo ongacimekiyo?”

15Ngondlela zithe ngqo nothetha kakuhle,

nongafuni kungenelwa ngengcinezelo,

noyingcathu ongazamkeliyo izicengo,

ongahambisaniyo nabafutha amayelenqe,

umntu ongafunaniyo nezinto ezimbi.

16Onjalo ke uza noloyiso;

ukhuseleke ngathi usemqolombeni

apho ukutya namanzi kuhlala kuhleli.

Ikamva eliqaqambileyo

17Ke amehlo enu oze ambone ukumkani

ethiwe jize ngesihomo nesithozela;

owakhe umhlaba uthe gabalala.

18Ngeenkumbulo nocamanga ngehambo-nzima yamandulo:

“Waya phi umphicothi-ncukacha;

ephi ke yena umvavanyi?

Kanti uphi yena umhloli weenqaba?”

19Ezo ntlanga zidelelayo zophel' emehlweni,

abantu abantetho ingacacanga,

abapitiliza ulwimi eningaluqondiyo.

20Khangelani iZiyon, isixeko samatheko amisiweyo;

zisuka nje nokhangwa yiJerusalem,

ikhaya lenzolo, umzi ongashukumiyo;

ezawo izikhonkwane soze zancothuka,

neentsontelo zawo soze ziqhawuke.

21Apho ke uNdikhoyo woba nguThixo wethu onamandla,

soba ngathi siphakathi kweentlambo nemilambo;

kodwa akukho sikhephe siya kuhamba khona,

kungekho nanqanawa ingangcambaza apho.

22Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;

ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.

Ikumkani yethu nguNdikhoyo;

nguye oya kusisindisa.

23Zona iintambo zenqanawa ziyeke-yeke;

azisenako ukuyibamba intsika yayo,

zingenako ukuyiqinisa neseyile.

Boxhaphaz' amaxhoba bazanelise;

kuya kuhlomla nesiqhwala esi sembala.

24EZiyon akusayi kubakho ugulayo;

zonke izono zabemi bayo ziya kuxolelwa.

UISAYA 34

Ukohlwaywa kwezizwe

1Sondelani, zizwe, niphulaphule;

inzwi kaloku nakuni, zintlanga.

Maliphulaphule ihlabathi nenzaliseko yalo;

ihlabathi nemveliso yalo yonke malimamele.

2Kalok' *uNdikhoyo ulwa nazo zonke izizwe,

uxabene nayo yonk' imikhosi yazo.

Wozibhubhisa xa zizonke,

zonke azixhaxhe kuphele.

3Izidumbu aziyi kungcwatywa;

zothi xakalala ziqungquluze – mh-mh-mh!

Iintaba zonyepha ligazi labo.

4Iinkwenkwezi nemikhosi yazo zonke zosuka zisumke zinyamalale;

isibhakabhaka sosongwa ngathi ngumqulu,

iinkwenkwezi zivuthuluke okwamagqabi,

zitshaze ngathi ngamagqab' omdiliya nomkhiwane.

5Emazulwini umkhonto wam uxhaphile;

nanko usihlela e-Edom,

abantu abagwetyw' intshabalalo.

6Umkhonto kaNdikhoyo wodad' egazini;

ewe, utsho waxhapha ngamanqatha

ngathi ligazi lamatakane neebhokhwe,

namanqatha ezintso zenkunz' egusha.

EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;

ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.

7Abantu baya kuwa njengenqu;

bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.

Umhlaba uya kufuma ligazi,

nothuli lunyephe ngamafutha.

8Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,

unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.

9Imilamb' e-Edom yoba mnyama,

umhlaba ufane nesalfure;

umhlaba wofana netha evuthayo.

10Wodangazela imini nobusuku,

umsi utsho ngomlembelele othunquzayo,

kube zizizukulwana ngezizukulwana libharhile,

kungaze kunqumle mntu khona,

11ilizwe limiwe sisikhova nesihulu-hulu,

limiwe ngookhwalimanzi namahlungulu.

UThixo wolibharhisa kwakhona elakwaEdom,

libe njengelamandulo kungekadalwa nto.

12Sobe kubekho kumkani ulawulayo;

izinxiba-mxhaka zophel' emehlweni.

13Izakhiwo zomila ameva nobobo,

iinqaba zambathwe lutshungu nesinama.

Yoba sisikhululo soodyakalashe,

ibe likhaya lezikhova.

14Koba lapho angqungqa khona amarhamncwa,

zikhwazane khona neendimoni.

Yoxhwarha khona nerhorho yobusuku,

izula-zule iphathe kuphumla.

15Isikhova siya kwakha sizalele khona;

zofukama zide ziqandusele,

ziwakhulisele khona amathole azo.

Oontloyiya boqokelelana bonwabisane khona.

16Khangela encwadini kaNdikhoyo ufunde:

Kwezi zilo akukho singekhoyo,

kungekho nesingenaqabane laso,

kuba lowo ngumlomo kaNdikhoyo,

nguMoya wakhe oya kuziqokelela.

17Isekwanguye oya kuzabela

azinike inxaxheba ngazinye ngazinye.

Elo yoba likhaya lazo naphakade,

zime khona izizukulwana ngezizukulwana.

UISAYA 35

Ibuyambo

1Intlango nomqwebedu ziya kuchulumacha;

elibharhileyo loba nemihlali liqhakraze njengentyatyambo.

2Intlango yomemelela idlokove luvuyo;

yoba yinzwakazi enjengeentaba zaseLebhanon,

yochuma njengamasimi aseKarmele naseSharon.

Bonke bobubona ubungangamsha *bukaNdikhoyo,

bucace ubuhandiba nokomelela koThixo wethu.

3Izandla ezinomkhinkqi mazomelele,

namadolo anengevane atsho adlamke.

4Thetha namagwala, uthi:

“Qinani, ningabi nentaka!

Kaloku uyeza uThixo wenu;

uza epheth' impindezelo.

Nank' egush' imbuyekezo;

ewe, uza kunihlangula.”

5Kaloku ke kobona nemfama le yembala,

zitsho zivuleke neendlebe zesithulu,

6nesiqhwala sidlobe sitsiba-tsibe okwempunzi;

nezimumu zomemelela ngemihlali.

Kaloku kompompoza amanzi nasentlango,

kugqabhuke imilambo nakwelibharhileyo.

7Intlabathi evuthayo yojika ibe lichibi,

umhlab' okhothekileyo uphanjwe yimithombo.

Asisathethi ke ngeendawo zikadyakalashe,

kuba zona zoba yimigxobhozo yemizi neengcongolo.

8Apho ke kothi tyaba uhola;

leyo ke kothiwa yindlela yobungcwele

ekungekho namoni woze athi cakatha kuyo,

nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.

9Kuyo soze kubekho ngonyama,

ingasoze ihanjwe narhamncwa;

kuphela ngabakhululwe nguNdikhoyo

abaya kudakasa kuloo ndlela.

10Abasindisiweyo nguNdikhoyo bobuyela eZiyon benemihlali,

bengqungqa bememelela ngochulumacho.

Soze babe sazana neentsizi nenkxwaleko;

boxhamla ulonwabo naphakade.

UMATEWU 5

Intshumayelo yasentabeni: Abanoyolo

(Luka 6:20-23)

1Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe; 2waza wabafundisa, esithi:

3“Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

4Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

5Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!

6Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

7Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona!

8Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!

9Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

10Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

11“Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka. 12Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu.

Ityiwa nokhanyiso lwehlabathi

(Marko 9:50; Luka 14:34-35)

13“Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.

14“Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala. 15Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. 16Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”

Ukuzalisekiswa komthetho kaMosis

17“Ze ningabi ndize kuchitha *umthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa. 18Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke. 19Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo. 20Inene, ukuba anithanga naba ngamalungisa kunabachazi-mthetho *nabaFarasi, soze nibe ngabalawulwa nguThixo.

Malunga nomsindo

(Luka 12:57-59)

21“Nivile ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali;’ kusithiwa: ‘Othe wabulala usisisulu somgwebo.’ 22Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo. 23Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe, 24wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho.

25“Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni. 26Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

Malunga nokrexezo

27“Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ 28Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe. 29Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. 30Nokuba isandla sakho sokunene siyakulahlekisa, sinqumle usilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uye esihogweni.”

Malunga noqhawulo-mtshato

(Mat 19:9; Marko 10:11-12; Luka 16:18)

31“Kwathiwa: ‘Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yoqhawulo-mtshato.’ 32Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga umfazi lowo, woba uyamkrexezisa; nothe wazeka loo mfazi waliweyo, uyakrexeza.”

Malunga nokufunga

33“Kananjalo nivile ukuba kwâthiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungafungi buxoki. Xa uthe wasenza isifungo, uze ukwenze oko uthembise ngako phambi kweNkosi.’ 34Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo; 35nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani. 36Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenako ukwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama. 37Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.”

Malunga nempindezelo

(Luka 6:29-30)

38“Nivile ukuba kwâthiwa: ‘Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo liphindezelwe ngezinyo.’ 39Ke mna ndithi kuni, musani ukuziphindezela kulowo unonayo. Othe wakuqhwaba kwisidlele sokunene, mguqulele nesinye. 40Nalowo ufuna ukukusa enkundleni, akuhluthe isambatho sangaphantsi, myekele nesokwaleka. 41Ukuba onegunya ukunyanzela ukuba uhambe ikhilomitha ibe nye, hamba neyesibini. 42Mphe lowo ucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungambandezi.”

Malunga nokuthanda iintshaba

(Luka 6:27-28,32-36)

43“Nivile ukuba kwathiwa: ‘Mthande umhlobo wakho, uluthiye utshaba lwakho.’ 44Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo, 45ize nibe ngabantwana boYihlo osezulwini, yena ovelisa ilanga phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, anise nemvula phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. 46Xa nithe nathanda abo banithandayo nina, ninamvuzo mni ke? Kakade àbenzi kwaloo nto, yini na, nabaqokeleli-rhafu? 47Naxa nithi nibulise amawenu odwa, ningcono ngantoni na kunabanye abantu? Abenzi kwaloo nto, yini na, nabantu abangakholwayo? 48Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo.

UMATEWU 6

Malunga namalizo

1“Lumkani, okulungileyo enikwenzayo ningakwenzi phambi kwabantu ngenjongo yokuba banibone. Nákwenjenjalo aninamvuzo kuYihlo osezulwini. 2Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi *ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 3Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, 4ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.”

Malunga nokuthandaza

(Luka 11:2-4)

5“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 6Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

7“Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. 8Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli. 9Thandazani ke ngoko nina nithi:

“ ‘Bawo wethu osezulwini:

Malaziwe lihlonelwe igama lakho,

10malongame ulawulo lwakho,

makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.

11Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

12usixolele amatyala ethu,

njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;

13ungasiyekeli ekulingweni,

koko sihlangule kumtyholi;

[kuba ngenene nguwe olawulayo,

namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’

14“Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani. 15Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”

Malunga nokuzila ukutya

16“Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 17Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho. 18Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”

Ubutyebi ezulwini

(Luka 12:33-34)

19“Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. 20Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. 21Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”

Isibane somzimba

(Luka 11:34-36)

22“Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka. 23Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!”

Musani ukuxhala

(Luka 16:13; 12:22-31)

24“Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.

25“Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo? 26Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo! 27Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala abongeze nangemini enye le ubomi bakhe?

28“Kananjalo yini na ukuba nixhalele into yokunxiba? Khaniqwalasele ukukhula kweenyibiba zasendle; azisebenzi, azithungi nokuthunga; 29kanti ngenene, noSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye yazo. 30Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca yasendle, ethi namhlanje ibekho, ze ngomso iphoswe eziko, akayi kugqithisa na ukunambathisa nina, bantundini balukholo luncinane?

31“Musani ke ukuxhala, nisithi: ‘Sodla ntoni na; sosela ntoni na; sonxiba ntoni na?’ 32Zezi zinto kanye abahlala besukelana nazo abangakholwayo beentlanga. Ke yena uYihlo osezulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyimfuneko kuni. 33Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto. 34Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.”

UMATEWU 7

Musani ukugweba

(Luka 6:37-38,41-42)

1“Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo – 2kuba ngokugweba enigweba abanye ngako, uThixo uya kunigweba kwangako nani; nendlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo. 3Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni? 4Ungáthini ukuthi kuwenu: ‘Khawume ndikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ kanti nango umqadi kwelakho iliso? 5Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala loo mqadi ukwelakho iliso! Wôbona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.

6“Musani ukukunika izinja okungcwele, kananjalo *iiperile zenu musani ukuziphosa ezihagwini, hleze zizinyathele ngamanqina, zijike ziniqwenge.”

Thandazani nizingisile

(Luka 11:9-13)

7“Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa; 8kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa. 9Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela isonka, asuke amnike ilitye; 10okanye athi, akucela intlanzi, asuke amnike inyoka? 11Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukugqithisa ukubapha okulungileyo abo bacelayo kuye?

12“Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo *yomthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo.”

Isango elimxinwa

(Luka 13:24)

13“Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo. 14Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.”

Imithi neziqhamo zayo

(Luka 6:43-44)

15“Balumkeleni *abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo. 16Nobaqonda ngezenzo zabo, njengokuba nemithi iqondwa ngeziqhamo zayo. Kakade, khe kukhiwe iidiliya emqaqobeni, okanye amakhiwane emngeni? 17Kaloku wonke umthi olungileyo uvelisa iziqhamo ezihle, kodwa wona umthi ongalunganga uvelisa iziqhamo ezibi. 18Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongalunganga awunakuvelisa ziqhamo zihle. 19Ke wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. 20Ke ngoko abashumayeli abaxokayo nobaqonda ngezenzo zabo.”

Ukuva nokwenza

(Luka 13:25-27)

21“Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini. 22Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini: ‘Nkosi, besingashumayeli egameni lakho na, sikhuphe neendimoni ngegama lakho, size kwangegunya legama lakho senze imimangaliso emininzi?’ 23Ke mna ndiya kuthi kubo: ‘Andizange ndanazi; mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.’

Abakhi ababini

(Luka 6:47-49)

24“Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo. 25Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe. 26Ke wonke umntu owevayo la mazwi am, angawenzi, unokufanekiswa nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo. 27Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; yawa, yadilika didli!”

UYesu ufundisa ngegunya

28Akuba ewathethile la mazwi uYesu, isihlwele sabantu samangaliswa kukufundisa kwakhe, 29kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-