Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 11

Unakekelo nobudlelwane onabo nabantu

Itekisi yeBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 9

27Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 9:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 15

UPawulos noBharnabha bayahlukana

36Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.” 37UBharnabha wafuna ukuba kuhanjwe noYohane Marko, 38kodwa uPawulos yena akathandanga ukuba bahambe naye, kuba ngokuya babehambe naye kuqala wajika esithubeni, wabashiya ePamfili. 39Baxambulisana ke ngale ndawo, bada bagqibela ngokwahlukana. UBharnabha wahamba noMarko, basinga eSipro ngesikhephe. 40Waza yena uPawulos wakhetha ukuhamba noSilas. Ke amakholwa abanikela ezibeleni zikaThixo, bemka.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 15:36-40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

12Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde. 13Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

14Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo. 15Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

KWABASEKOLOSE 3:12-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Kweli hlabathi lonakeleyo, yinyaniso into yokuba ubudlelwane abusoloko busebenza ngale ndlela sinqwena ngayo. Kwincwadi yoMsebenzi wabaThunywa sifunda ngoBharnabha, ogama lakhe lithetha “umthuthuzeli” (UMsebenzi wabaThunywa 4:36-37). Yila ndoda yathatha uPawulos – owayesakubizwa ngokuba nguSawule – wamkhulisa xa wayeqala ubizo lwakhe:

Kodwa, iBhayibhile ithi masizame ngandlela zonke ukulungisa ubudlelwane ngomoya wothando.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-