Ukubizelwa unakekelo
Unakekelo lubizo olunemivuzo emininzi. Kuwe njengomnakekeli, lunganentsingiselo enzulu nengqiqo ngento ebuyiyo ubomi bakho. Kambe ke, unakekelo ngumsebenzi odinisayo kumnakekeli. Kuninzi ukugula okusingqongileyo – abantu abaneHIV/Aids, ukuguga nezigulane ezigulela ukubhubha. Izibhalo ezingcwele ziza kuzisa ithemba, inkuthazo nemibono ngonakekelo lwakho. Sithandazela ukuba ezi zicatshulwa zeZibhalo zibe ngumngeni wokuba ukhule emoyeni ze ukholo lwakho lube nzulu nangakumbi. Amazwi abubomi eLizwi achaphazela bonke abanakekeli; abantu nje abanakekela ilungu losapho, abanakakeli ngokubanzi okanye abacebisi abaqeqeshiweyo abanikeza inkxaso nesikhokelo.
Iziqendu
Ungabhalisa kwesi sicwangciso sokufunda kwi-BibleSA app