Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 15

Ukuzingisa

Itekisi yeBhayibhile

KUMAHEBHERE 12

Ukunyamezela ingqeqesho

1Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele. 2Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.

3Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.

KUMAHEBHERE 12:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Izibhalo zisikhuthaza ukuba siqhubeke yaye singanikezeli.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-