Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 5

Indlela ojonga ngayo izinto

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEFILIPI 2

5Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku:

6Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,

ukulingana noThixo akakubawelanga

kangangokude afune ukusunduzana naye.

7Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,

wathatha isimo sesicaka,

waba ngumntu ncakasana.

Engumntu ebantwini,

8wazambesa intobeko,

ntobeko leyo yamsa ekufeni –

ukufa kwasemnqamlezweni.

9Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,

wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,

10ukuze bonke abaphilayo,

ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,

bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu;

11bathi bebonke bavume bengafihlisi

ukuba uYesu Krestu yiNkosi,

bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.

Ukufezekisa injongo kaThixo ngosindiso lwethu

12Nani ke, zihlobo zam, njengoko nihlala nimthobela uThixo xa ndilapho, nangoku ke kubaluleke ngakumbi ukuba nimthobele nokuba ndikude. Lufezekiseni usindiso enilunikwe nguThixo, ninembeko nentlonipho.

KWABASEFILIPI 2:5-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

NjengamaKrestu, sifanele ukuba sijonge izinto ngendlela uYesu awayezijonga ngayo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-