1WAZA wateta u‐Mosesi kwabazintloko zezizwe ngalo usapo luka‐Sirayeli, esiti: Nantsi indawo ayiyaleleyo uyehova. 2Xeshekweni indoda iya kubambisa ngesibambiso kuyehova, umhlaumbi iya kufunga ngesifungo sokunxiba umpefumlo wayo ngesinxibo, ilizwi layo ayiyi kulitshitshisa; njengako konke okupumileyo emlonyeni wayo, iya kwenje njalo.
3Nenkazana xeshekweni iya kubambisa ngesibambiso kuyehova, azinxibe ngesinxibo, isendlwini kayise ebutsheni bayo; 4ati uyise eve isibambiso sayo, nesinxibo sayo iwunxibileyo umpefumlo wayo ngaso, aze ati cwaka uyise ngakuyo; ziya kwandul’ ukuma zonke izibambiso zayo, nazo zonke izinxibo iwunxibileyo umpefumlo wayo ngazo ziya kuma. 5Kodwa ukuba uyise walela yona emhleni wokuva kwake, zonke izibambiso zayo, nezinxibo zayo iwunxibileyo umpefumlo wayo ngazo, aziyi kuma; kodwa uyehova woyixolela, ngokuba uyise eyalele.
6Kanjalo ukuba ibika yanayo indoda, nxa izibambiso zayo zibe zipezu kwayo, umhlaumbi ukupimisela kwomlomo wayo, iwunxibileyo umpefumlo wayo ngako; 7yaza yeva indoda yayo, kanti emhleni wokuva kwayo yati cwaka ngakuyo; ziya kwandul’ ukuma izibambiso zayo, nezinxibo zayo iwunxibileyo umpefumlo wayo ngazo ziya kuma. 8Kodwa ukuba emhleni wokuva kwayo indoda yayo yalela yona, iya kwandula itshabalalise isibambiso sayo esibe sipezu kwayo, nokupimisela kwomlomo wayo, iwunxibileyo umpefumlo wayo ngako; ati uyehova ayixolele.
9Kanjako isibambiso somhlolokazi, umhlaumbi solahliweyo, konke awunxibileyo umpefumlo wake ngako kuya kuma ngakuye.
10Ukuba wabambisa endlwini yendoda yake, umhlaumbi wanxiba umpefumlo wake ngesinxibo ngokufunga; 11yaza yeva indoda yake, kanti yona yati cwaka ngakuye, ingamalelanga; ziya kwandul’ ukuma zonke izibambiso zake, nazo zonke izinxibo zake awunxibileyo umpefumlo wake ngazo ziya kuma. 12Kodwa ukuba indoda yake yagqibela ukuzitshabalalisa emhleni wokuva kwayo, konke okupumileyo emlonyeni wake ngezibambiso zake, nangokunxitywa kwompefumlo wake, akuyi kuma; indoda yake izitshabalalisile, waye uyehova eya kumxolela. 13Zonke izibambiso, nazo zonke izifungo zokunxiba, zokuba kubandezelwe umpefumlo, indoda yake ingazimisa, umhlaumbi indoda yake ingazitshabalalisa. 14Kodwa ukuba indoda yake iyagqibela ukuti cwaka ngakuye kwimihla ngemihla, iyandula imise zonke izibambiso zake, umhlaumbi zonke izinxibo zake, ezipezu kwake: imisile zona, ngokokuba yati cwaka ngakuye emhleni wokuva kwayo. 15Nokuba ika izitshabalalise emveni kwokuva kwayo, iya kwandula itwale inkohlakalo yake.
16Yiyo le imimiselo, ate uyehova wamyalela u‐Mosesi ngayo, pakati kwendoda nomfazi wayo, napakati kwoyise nentombi yake, isebutsheni bayo endlwini kayise.